Akasindanga uSindile Tantsi

Sindile Tantsi

UKUNGAVELI kukamanejala womasipala waseMnquma uSindile Tantsi, obanjwe ngezityholo zorhwaphilizo, akukhange kubanqande abahlali baseGcuwa ukuqhuba nokubhiyozela ukubanjwa kwale ndedeba.

UTantsi ubanjwe ngoLwesibini ngooKhetshe emva kokuphandwa kulandela izityholo zorhwaphilizo ezibandakanya izigidi ngezigidi zeerandi kulo masipala.

Abo kudala befuna abanjwe uTantsi babonakale bechwayitile phambi kwenkundla yaseGcuwa izolo. Iingxelo zithi lo kaTantsi ubike ukungaphili nto leyo ibangele ukuba ityala lakhe kugqitywe ukuba maliqhube namhlanje.

Usihlalo weANC eMnquma uNdoda Mesani uthe: “Nokuba angasithela ngesebe lenkawu uTantsi, kodwa uzakuvela phambi kweenkundla zamatyala.”

Ingxelo epheleleyo nezingenayo kweli tyala zifumaneka ku:

www.ilisolezwe.co.za