Akavelanga uTantsi

Abahlali baseMnquma bathi umthetho mawudlale indima yawo kuTantsi Umfankiso: Anele Raziya

Abo kudala befuna abanjwe uManejala woMasipala waseMnquma uSindile Tantsi babonakale bechwayitile kwiinkundla zamatyala eGcuwa namhlanje.

Kangangokuba elinye inenekazi ebelibonakala ukuba lonwabe kakhulu belivumela phantsi ingoma ethi “Intlungu neentlupheko azaziwa eNtabankulu kwelika Tantsi”

Kwaye lisithi uTantsi ubaphathe kabuhlungu abantu baseMnquma iminyaka ngelo xesha abaseNtabankulu bonwabile.

Lo gama abanye bebesithi bafuna ukubona uTantsi esemkhumbini njengoko wayesithi akukho mntu unokumgxotha yena eMnquma okanye ambambise.

Njengokuba abahlali bebezimisele ukumbona, khange akhwele kwasemkhumbini ngenxa yokuba inkundla isithi uthe akaphilanga kwaye lo nto inyanzelise ityala lakhe lihlehliselwa ungomso.

Kodwa lo ngxelo khange ikrune ntliziyo zabahlali, ndaweni yalo nto baphume bacula kwimvula ebinetha baya kwii-ofisi ze-ANC.

Usihlalo we-ANC kwingingqi yaseMnquma uNdoda Mesani uthe nokuba angasithela ngesebe lenkawu uTantsi, okusalayo uzakuvela phambi kweenkundla zamatyala.

UMesani uthe bavuyela le nto ebanjiwe libutho lookhetshe laseNorth West, kuba kudala bezama ukumbambise ngooKhetshe basephondweni kodwa kwanzima ukuba abanjwe.

“IHawks zaseNorth West zithathe iiveki ezimbini ukubamba uTantsi, kodwa ezephondo kwabanzima ukumbamba yena kwinyanga ezintlanu” uqhube watsho.

UMesani uthi uTantsi ebekhupha iithenda engalandeli iinkqubo ebekumele zilandelwe, kulahleka neemali kwaMasipala kwaye enento ethi akukho mntu unokumgxotha yena eMnquma.

Umhlali owaziwa ngokuxhasa uTantsi, uVuyolwethu Hani uthi into yokubanjwa kukaTantsi ifuna ukuqwalaselwa kungathi kanti inento yokwenza nezopolitiko njengoko ingunyaka weenkomfa zombutho olawulayo.

“Umthetho waseMzantsi Afrika uthi umntu akanatyala de afunyanwe enalo nditsho ndisithi makajongane nezityholo abekwa zona,” uqhube watsho uHani.

Umbutho ophume elubala kwiveki ephelileyo ukuba uyamxhasa uTantsi, iButterworth Hawkers Association, khange kubonakale nelungu elinye layo kwiinkundla zamatyala.

Usihlalo wombutho we-DA ephondweni uVeliswa Mvenya uthi kwinto yokubanjwa kukaTantsi ufuna kungakhethwa iphela emasini, kuba ingenzeka bakhona nabanye abachaphazelekayo kwezizityholo kwaye kumele babanjwe xa befunyaniswa.

Uceba wombutho we-UDM ebhungeni loMasipala waseMnquma, uZama Mqolo, uthi ukuba uTantsi ufumaneke enetyala kuzakufuneka abuyise imali yabarhafi, kodwa ngoku bamthatha njengomntu ongenatyala kude kutsho iinkundla zamatyala.

UTantsi ubanjwe ziiHawks ngeezityholo zorhwaphilizo kunye nobuqhophololo izolo, kwaye uyakuvela enkundleni yamatyala eGcuwa ngomso.