Akavumanga nemifanekiso ‘amagqwirha’ aseGwadana

Indlela eya kwihlathi laseGwadana, kwanebhodi ekhomba indlela engena eGwadanaimifanekiso: siyanda zakhe

ALE kwaphela ‘amagqwirha’ aseGwadana ekuvumeleni I’solezwe ukuba lithabathe imifanekiso yehlathi lale ndawo elidume ngokuba sisigqubu samagqwirha.

I’solezwe lityelele indawo yaseGwadana eDutywa kule veki, ngeliyokuva izimvo neengcingane zoluntu lale ndawo malunga nokoyanyaniswa nayo nobugqwirha.

Iintatheli zeli phephandaba zilahleke izihlandlo ezibini ngethuba zifuna ukuzibonela ngawenyama eli hlathi lidume ngokuba yindawo yokuthakatha.

Umntu wokuqala ukusikhombisa eli hlathi wolathe kumgama weemitha ezingamakhulu amabini, saya kodwa asabona hlathi ngenxa yenkungu ebigqume ngendlela emangalisayo kwihlathi elo.

Owesibini usikhombile kwakho, kodwa salahleka kwakhona. Umntu wesithathu, uphinde wasalathisa – ngenene sade safika kweli hlathi.

Ngethuba sikufutshane, sive iintaka zehlathi ziphendulana ngentsholo kubonakala ukuba sifikile ngenene, kodwa nkqi ukubona imithi. Umfoti uzamile ukuthabatha imifanekiso, kodwa khange abe nampumelelo ngenxa yenkungu evele yamnyama.

Umnqa ngale nkungu kukuba sithe sakulishiya ihlathi elo, yayeka ukuba mnyama sakwazi ukubona.

Inkosikazi yaseGwadana esincokole nayo, nengafunanga ukunikezela ngegama layo, ithe: “Sikhulela kule Gwadana. Liyinene wena ukuba intakatho ikhona kule ndawo. Ukukhula kwethu eli hlathi lalidume ngezigigaba, apho wawuvele ubone izitya ekugqitywa kutyelwa kuzo, ube ungaboni kwamntu ecaleni kwazo.”

Enye inkosikazi, nayo ecele ukuba singayithi khankqu ngegama, ithe: “Sikhula kusithiwa sisitishi sokuthakatha eli hlathi. Ngethuba sikhula apha eGwadana, bekuye kubekho abantu abathi kufunwa abantu phaya ehlathini, ngelinye ixesha uve kusithiwa kufunwa abantu abazakutshata – uthi usamamele lo nto ubone sele kubhubha umntu ongumakoti.”

“Maxa wambi bekuye kuthiwe kufunwa umntu oyindoda wokuxhoma iphahla kooronta ekwakusithiwa bakhiwa ngamagqwirha kweli hlathi, uthi usajonge lo nto ubone kubhubha umfana omde,” utsho lo mama.

UZityhilelo Bidli yena uthi ucinga ukuba yimimoya yabantu ababhubha ngethuba lemfazwe yaseGwadana (Battle of Gwadana) phakathi kwamaGcaleka nabamhlophe (amaKoloniyali) kwinyanga yoMsintsi ngo-1877, ebangela ukuba eli hlathi layanyaniswe nentakatho.

Noxa nje abahlali beelali zaseGwadana bevuma ukuba kuyathakathwa kuzo zonke indawo, bayavumelana bonke ukuba intakatho yinto ekhoyo eGwadana.

Yonke ke le nto ishiya umbuzo wokuba ingaba bukhona kusini na ubugqwirha eGwadana?

Usibonda wale ndawo uMbulelo Ntsali uthi emandulo zazikho izigigaba zokoyanyaniswa kweli hlathi laseGwadana nentakatho.