Akawufumananga umngcwabo wasemkhosini uMonde

U Monde Mabandla waseKhayelitsha nothe wabulawa ngunyana wakhe umfanekiso: BHEKI RADEBE

Kapa: UMonde Mabandla, obhubhe emva kwesihelegu sokuhlatywa ngunyana wakhe, akawufumenanga umngcwabo wasemkhosini owayesakuba nguceba kwaWadi 91, eKhayelisha, eKapa, ngenxa yokuba usapho lwakhe lumkhuphile kumzi wabangcwabi osetyenziswa lisebe lamagqala omkhosi wokhuselo.

Oku kudizwelilungu lesigqeba sesebe kwinqila iDullah Omar uLindaman Xeji, nokwanguye owayenze umpoposho othi uMonde Mabandla uzakufumana iwonga kwiMKMVA.

UXeji uthe: “Ndifumene umnxeba osuku kwisebe [lamagqala omkhosi] kuzwelonke usithi usapho lukaMonde lunengxaki nomzi wabangcwabi esiwusebenzisayo kwaye lufuna ukuba akhutshwe kuwo. Isebe besele lenze izicwangciso kunye nalo mzi, nto leyo ithethe ukuba bekungasenakubakho thuba lokwenza amanye amalungiselelo lisebe”.

OkaXeji uqhuba athi “Nangona engangcwatywanga ngumkhosi, sivumelene ukuba imali ibizakusetyenziswe inikwe inkosikazi yakhe uSiyolise Mabandla ayisebenzise endlini”.

Nangona kunjalo ilungu losapho elingafunanga kuchaza gama lidize ukuba bathi bakufika kumzi wabangcwabi beyokunxibisa umzimba baxelelwa ukuba akukahlawulwa, kwaye abanakukwazi ukuncedwa.

Uthi bathi bakutsalela umntu ababeqhakamshelana naye kwiMKMVA wabasa ngaphanangapha bancama bazihlawulela imali yomkhenkce neyebhokisi ukuze kukhululwe umzimba ngosuku ababesele belucwangcisele umngcwabo.

UMabandla kutyholwa ukuba wahlatywa ngunyana wakhe oneminyaka elishumi elinesithoba ubudala oseluvalelweni njengangoku. Ingxelo zidiza ukuba umrhanelwa ebexhaphaza iziyobisi kwaye uyise ekwiphulo lokuzama ukumsusa kuzo, kukwatyholwa ukuba ujamelene nezinye izityholo zokuhlaba abulale eDikeni, nakwilokishi yaseSite B.

Amalungu eANC aquka usihlalo wengingqi eAmathole uKhanyile Maneli athe azimasa umngcwabo kaMabandla kwilali yaseDyamala, eDikeni, kuMgqibelo weveki ephelileyo.

Encokolela I’solezwe, uMthobeli Mabandla, ongumkhuluwa ngokokuzalwa kwixhoba, uthi bebesoloko beqhakamshelana nomfi kwizinto ezidla ikhaya.

“UMonde ibingumntu oliqhula othanda abantu. Ebeluthanda kakhulu usapho lwakhe, kangangokuba ukuqala kwam ukuva lo mphanga zange ndilale kakuhle. Bendisoloko ndisothuka qho ebusuku,” kutsho uMthobeli.

“Noko bendingayilindelanga ukuba umntwana angade abulale uyise. Indothuse kakhulu le nto,” utshilo uMthobeli.