Akayifunanga ibheyile obuleleyo eMonti

UWelcome Madoda Yose, 60, ojongene netyala lokubulala owayencuma naye kudala uLindelwa Peni, ngethuba evele phambi kwenkundla izolo eMonti, uxelele igqwetha lakhe ukuba akayifuni ibheyile.

UYose bekulindeleke ukuba afake isicelo sebheyile izolo. INkundla iye yalimisa ityala ilimisela umhla weshumi elinesithandathu kwinyanga kaOkthobha.

Le ndoda, nebisebenza njengomqhubi wezithuthi zikawonkewonke eMonti, ijongene netyala lokubulala uPeni ngesizathu esingekaziwa yinkundla nalusapho.

UPeni wabhaqwa emva kweentsuku ezintathu wabe egqityelwe ukubonwa ekhwela kwikhwantam yale ndoda.

Ingxelo eyaphuma kwilungu losapho ithi sele beneminyaka emihlanu bengasancumelani ixhoba nale ndoda, kwaye obanjiweyo ebehlala nenkazana yakhe.

Usapho luthi nalo lusothukile sesi sihelegu. UPeni wabhaqwa kwihlathi laseChicken Farm ngaseMdantsane enenxebakazi emva kwendlebe kwaye nemilenze sele ityiwe zigrogro zehlathi.

Wathathwa ngamapolisa emva kokuba le ndoda ichazile ukuba iwuse phi umzimba wexhoba.

Amanina kwakunye namadoda emibutho eyohlukeneyo ebengungelene nayizolo njengeveki ephelileyo phambi kwale nkundla yaseMonti bezokuxhasa usapho lakwaPeni.

Bebekwalwela nokuba inkundla imnike isigwebo esiqatha obuleleyo. UPeni uyangcwatywa ngoMgqibelo kwikhaya lakhe kwaWelithinta eTsholomnqa.

Ngasemva ushiya iintwazana zakhe ezimbini, oosisi bakhe kwakunye nomama wakhe ohlutshwa sisifo seswekile.

Kusenjalo, kwilali yakwaMdeni eGcuwa kubulewe owasetyhini onamashumi amathathu anesibhozo naye ebulawa yindoda ekuvakala ukuba wayencuma nayo kwiminyaka edlulileyo.

Ixhoba libulewe ngoMgqibelo. Ingxelo ephuma kuCol Tembinkosi Kinana ithi ixhoba libhaqwe yindoda encuma nexhoba emva kokuba engabambi fowuni yakhe.

Le ndoda ithe lakungayibambi ifowuni ixhoba yayokukroba kowalo yafika yabona loo mbono sele sibhubhile isithandwa sayo kwaye sibotshelelwe izandla sinamanxeba okuhlatywa.

Umrhanelwa ubanjiwe ulinde usuku lwakhe lokuvela ezinkundleni. UMkomishinala wephondo uNjengele Liziwe Ntshinga uzikhalimele ezi zehlo zithe gqolo zisenzeka zokubulawa kwamanina.

Ukwaqhwabele izandla amapolisa aseGcuwa ngokuthi akhawuleza abamba orhanelekayo.