Akayifunanga ibheyile omithise intwazana ena13

Akayifunanga ibheyile omithise intwazana ena13.

Indoda, 28, yaseLimpopo ebekwe ityala lokulala nomntwana ongaphantsi kweminyaka esemthethweni (statutory rape ngelasemzini) emva kokumithisa intwazana, 13, ivelile kwinkundla kamantyi yaseSeshego ngoLwesithathu nalapho ikhethe ukungasifaki isicelo sebheyile.

UDitebogo Frans Gololo wabanjwa emva kokuba le ntwazana ibeleke ngomhla weKrisimesi kunyaka uphelileyo.

Ekuqaleni, wayejongene netyala lokwabelana ngesondo nomntwana ongaphantsi kweminyaka esemthethweni kunye nokulungiselela umntwana ongaphantsi kweminyaka esemthethweni ukuba enze izenzo zesondo ngokumxhaphaza (sexual grooming), nangona kunjalo, ityala lesibini (sexual grooming) lachithwa ngenxa yokungabikho kobungqina.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso eLimpopo, uMashudu Malabi-Dzhangi, uthi uGololo kunye nale ntwazana basuka kwindawo enye eSeshego.

“Iingxelo zithi, ixhoba kunye nomrhanelwa badibana kudederhu lweevenkile eSeshego kweyoMqungu ka2024 baqala ukunxibelelana kwaye kutyholwa ukuba babelana ngesondo ngenyanga kaCanzibe ngo2024.

“Umntwana wadiza esi siganeko kumakazi wakhe emva kokuba eye waneengxaki, kwaye kamva kweyeNkanga ka2024 uvavanyo lwezonyango lwaqinisekisa ukuba wayeneenyanga ezisibhozo ekhulelwe, ngoko ke ekugqibeleni wazala umntwana oyinkwenkwe ngosuku lweKrisimesi.”

Amapolisa azisiwe ngesi siganeko kwaye umrhanelwa wabanjwa ngokukhawuleza licandelo lesikhululo samapolisa aseSeshego elijongene nobundlobongela kusapho, ukhuseleko lwabantwana nolwaphulomthetho ngokwesondo ngoLwesine, umhla wama26 kweyoMnga ka2024.

Ityala lihlehliselwe umhla wesithathu kweyoKwindla ka2025 ukuze kuqhutyekwe nophando.

Kusenjalo, isithethi sesebe lezempilo kuzwelonke, uFoster Mohale, uthe lehlile inani labantwana abakwiminyaka eli13 ukuya kwi19 abangoomama ukusuka kwi145 ngo2023 ukuya kutsho nje ngaphantsi kwe90 ngo2024.

“Oku kunganxulunyaniswa nenani longenelelo olubandakanya iSexual Reproductive Health (SRH), iphulo iHealthy Lifestyle Campaign kunye nokuqaliswa kweendawo ezifana neYouth Friendly Zones kumaziko ezempilo kwilizwe liphela ukudala imekobume evumela ukuba abantu abatsha bafikelele kwiinkonzo zempilo yezesondo kunye nokuzala ngaphandle kokulinda emigceni nabantu abahambele ezinye izinto,” utshilo uMohale.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.