Akazohlolwa ngqondo uMancoba!

Igunyabantu lezoTshutshiso lithi akazokuhlolwa ngqondo uBanele Mancoba ebekulindeleke ukuba angeniswe kwisibhedlele sabantu abaphazamiseke ngokwengqondo.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi uMancoba ebeqhubekeka nokuvavanywa ingqondo ngethuba kusalindeleke ukuba aye kwisibhedlele saseFort England eMakhanda de kwafunyaniswa ukuba akusekho sidingo sokuhlolwa ingqondo.

UMancoba noogxa bakhe abayi11 bebevele kwinkundla kaMantyi eNgcobo apho bajongene nezityholo zokuqulunqa iyelekenqe lokuphanga kuxhotyiwe, kwanokuzama ukuphanga indawo ekugcinwa kuyo idizili eNgcobo ngeyoMnga kunyaka ophelileyo.

Ngelo thuba, uBanele wayekhokele ibandla ebelibizwa ngelokuba kukwaMancoba, nalapho amarhamente alo ingabantu ababehlala khona.

Eli bandla lathintelwa ngumthetho ukuba lichithwe emva kokubanjwa kwabarhanelwa abalishumi ngezityholo zokudubula babulale amapolisa amahlanu aseNgcobo.

Amapolisa adubula abulala abarhanelwa abasixhenxe ekukho kubo oonyana bakwaMancoba abathathu, ekukho phakathi kwabo uThandazile Mancoba nekurhaneleka ukuba wayekhokele isiganeko sokuphangwa kwezixhobo eNgcobo.

Isithandathu esabanjwa kwela khaya nguAndani Monco, Kwanele Ndlwana, Siphosomzi Tshefu, Siphesihle Tatsi, Phumzile Mhlatywa kwakunye noPhuthumile Mancoba – bajongene nezityholo zokudubula babulale amapolisa amahlanu, ukuphanga kuxhotyiwe, ukuba imipu yamapolisa, iimbumbulu kwaneevesti zokuzikhusela kwiimbumbulu.

Bakwajongene netyala lokuzama ukuphanga imali kumtshini ogcina imali kwibhanki yakwaCapitec.

Esi sithandathu besivele enkundleni kaMantyi eNgcobo ngoLwesibini kwaye ityala labo liphambi kweNtloko yabaTshutshisi ekulindeleke ukuba yenze isigqibo ngenkundla ekufanele ukuba ichophele eli tyala, kwaye baza kuphinda bavele enkundleni ngomhla we31 kweyeDwarha.

UBanele noogxa bakhe nabo balindele isigqibo seNtloko yabaTshutshisi, kwaye nabo baza kubuyela enkundleni nge31 kweyeDwarha.