‘Akekho umntu ngaphezu komthetho’-Zuma

KwiPalamente yelizwe eKapa apho uMongameli Jacob Zuma ethe wasinda kwakhona kwisindululo ebesiphakanyiswe ngamaqela aphikisayo esithi makehle esikhundleni Umfanekiso: Henk Kruger/ANA Pictures

KWINTETHO engatolikwa njengaleyo ibhalele ngqo kuSekela Mphathiswa weMfundo ePhakamileyo uMduduzi Manana ongundaba-mlonyeni kulandela ukunkula inkosikazi kwindawo yentselo, uMongameli Jacob Zuma uthi akekho umntu ongaphezu komthetho olawula ilizwe.

UManana uvumile ze waxolisa ngokubetha uMandisa Duma kwindawo yentselo iCubana eFourways eRhawutini ngentsasa yangeCawe yomhla wesithandathu kule nyanga.

Ethetha eGaleshewe, eKimberley, eMntla Koloni, izolo, apho ilizwe belidibene ukuphawula usuku loomama, uZuma uthi wonke umntu uyalingana phambi kwengalo yomthetho.

“Wonke umntu, nokuba ukwesiphi isikhundla, uyalingana phambi kwengalo yomthetho. Xa kukho into egwenxa eyenzekileyo, amapolisa makenze umsebenzi wawo,” utshilo uZuma.

Uluntu lunxakamile emva kwesehlo sikaManana, lusithi makabanjwe futhi agxothwe lo Sekela Mphathiswa.

UZuma ukwabongoze abazali ukuba baphose iliso kubantwana babo abathabatha inxaxheba kumaqonga onxibelelwano afana noFacebook noTwitter.

UZuma uthi kulapho izehlo zolwaphulo-mthetho, ezifana nokuxhilwa kwabantwana, ziqhubeka khona.

“Noxa nje sisabhiyozela ukuchongwa kwamakhosikazi kwizikhundla eziphezulu eburhulumenteni, kusekho ukusilela kumacandelo abucala,” utshilo uZuma.

Lo msithi waseKimberley ubuzinyaswe ziinkokeli eziquka iinkulumbuso, abaphathiswa, umgqatswa wobuMongameli kwiANC uNkosazana Dlamini-Zuma, kwakunye nabanye.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za