Sele iyiveki yesibini le amaxhoba awathi atshelwa ngamatyotyombe eZiphunzana eMonti ehleli phandle, ngelixa amanye exhwarhe kwizihlobo zawo kwasematyotyombeni.
Ngethuba sityelele kulamaxhoba izolo sifike inguphantsi phezulu amaxhoba evuselela amatyotyombe awo ebetshe ngumlilo, bewavusa kwangamazinki lawo ebetshe amnyama.
Ukanti la maxhoba ashiyeke ngebezisesiqwini kuphela iimpahla zokunxiba, zonke ezinye zitshe zalithuthu emva komlilo ovele kwityotyombe ebelingenamntu ngeloxesha.
Amaxhoba athi aneminyaka engapha kwamashumi amabini ehlala kula matyotyombe abazange behlelwa yile ibahleleyo. Omnye wamaxhoba uMlungiseleli Simakade otshelwe ngamagumbi amabini kwelakhe ityotyombe obehlala nonina onama (74) kwakunye nabanye abane ngaphakthi uthi; “Yonke into ebingaphakathi iphele vuthu nditsho nezazisi, ukutya, yonke nje into ibingaphakathi akukho nento ethi le ibiyibhedi. Umama wam uphume ngelokhwe yokulala kwabe kanti uphelele kuyo. Ngoku sele sihlaliswa ngusisi endincuma naye usamkele sobathandathu kwelotyotyombe lakhe lisindileyo lingenayo nendawo,” utshilo uSimakade.
UTractor Xakekile uthi, oku kwehle esezilalini. “Ndifike ndingenayo nenye into sele ndilikhomba ityotyombe lam ndisithi belilapha. Sishiyeke size singabahlali inxalabo zizazisi kwanendawo zokulala kwanokutya,” utsho uXakekile.
Ukanti noLuthando Mpiyakhe olixhoba sifike ingomnye wabaphezu kwetyotyombe izandla zimdaka esithi uvusela unina wakhe nobelixhoba lokutshelwa naye.
“Singabanye sikwelite amatyala amazinki ngemali kuba amanye amazinki sele ekwimeko engenokwazi nokuba alungiseke ngelo xesha asinalo nethemba lokuba sakubhatala ngantoni kulo matyala siwenzileyo.”
Eyona nto ayikhalazelayo amaxhoba, nguceba wabo onguLixolile Kiki, abamtyhola ngelithi khange abazamele nokuba bayokuxhwarha eholweni njengoko bengenamakhaya. Bathi endaweni yoko ubaxelele ukuba naye usemtsha.
Eli phepha ndaba lizamile ukutsalela kwanokumshiyela umyalezo uKiki, kodwa akakhange abuyele kuthi.
Abahlali bathi urhulumente akakhange abonakalise nkathalo kubo njengoko besaxhwarha ezihlobeni. Bathi ukutya abakuthengelwe licandelo elijongene neentlekele yi1kg yomngusho, umgubo, iswekile kwakunye necala lekhaphetshu kuphela, nabathi bazipheka kanye zaphela.
“Bathi sitya ntoni ezintsuku zingaka umasipala uthi silalaphi abantu bazakudikwa sithi emizini yabo. Masibonelwe bebesigqogqa ngokubekulungiselelwa uvoto xa sibadinga thina ngoku ababonakali,” oko kudizwe ngabahlali ebebengxunguphele
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023