Akhumbula intlekele yaseBulhoek amaSirayeli

IinkokHeli namalungu enkonzo yakwaSirayeli aza kuzibeka bucala iiyantlukwano zawo ngeCawa ekhumbula amalungu ale nkonzo abulawa kwintlekele yaseBulhoek.

Umhla wamashumi amabini anesithathu kuCanzibe, ngumhla obuhlungu kubakhonzi benkonzo yakwaSirayeli nanjengoko kwabulawa amalungu abo ngo-1923 edutyulwa ngurhulumente wabamhlophe.

Minyaka le, le nkonzo iqhuba isikhumbuzo samalungu ayo angaphezu kwamakhulu amabini athi abulawa ngurhulumente wobandlululo eBulhoek ngaseKomani.

Inkokheli ekwangumsunguli wale nkonzo uEnoch Mgijima neqela labaxhasi bakhe, babengavumi kusuka kule ntaba emva kokuba urhulumente wayenyanzelisa ukuba basuke eNtabelanga.

UMgijima wanikwa umyalelo ngabaphathi balo rhulumente ukuba asuse abalandeli bakhe kuloo ntaba yaseNtabelanga, akazange akwamkele oku.

Kwabulawa abantu abakumakhulu amabini emva kokuba uColonel Trutter wayalela imikhosi yakhe ukuba idubule loo maSirayeli kaMgijima.

Ethetha phambi kwale ntlekele uMgijima wathi: “Ngokomyalelo kaYehova asisokuze sinivumele ukuba nichitha-chithe amalungu ethu, asisokuze sinivumele ukuba nitshise izindlu zethu, asisokuze sinivumele ukuba nivalele amalungu ethu,” watsho uMgijima.

IBhishophu yale nkonzo uSolomon Phehla, uthi ngenene amaqela ohlukeneyo ale nkonzo azakuba eqhuba esi sikhumbuzo, emanyene ngelinika imbeko kuloo madoda abhubhela kula ntaba.

“Sele kukudala siqhuba amalungiselelo esi sikhumbuzo, sikhumbula amadoda athi awa ebulawa kuba ayengafuni kushiya le ntaba ayenqula uYehova kuyo,” uthethe watsho uPhehla.

Le ntaba yatyhilwa nguThixo kuBhishophu uEnoch Mgijima njengendawo amakanqule kuyo, waza urhulumente welo xesha wakubona kungafanelekanga ukuba basebenzise le ndawo.

Ukunyuka kwamanani abakhonzi bakwaSirayeli kufutshane nale ntaba besakha iindawo zokuhlala, kwabangela amaxhala kwabamhlophe ababekufutshane apha.

Ethetha ngesi sikhumbuzo kunyaka ophelileyo, uMphathiswa weSebe leMidlalo neNkcubeko eMpuma Koloni uPemmy Majodina, wathi banenjongo zokugcina le ndawo njengesiza esililifa kubantu beMpuma Koloni noMzantsi Afrika.

Ukusukela ngexesha likaEnoch Mgijima, le nkonzo iqale ukuba neengxaki zoqhekeko ukusukela ngonyaka ka1949 ngenxa yeyantlukwano zeenkokheli. La madoda adutyulwa emva kokuba engavumi kusuka kulo mhlaba ngethuba babenyanzelwa yimikhosi kaTrutter ukuba benze njalo. Ingxelo ithi babexhobe ngemikhonto namagqudu logama imikhosi yamajoni yayixhobe ngoombambayi.

Othethe egameni lekomiti eququzelela esi sikhumbuzo uMfundisi uTimothy Mgqamqho, uthi umasipala wase-Enoch Mgijima kunye norhulumente wephondo bayinxalenye yamalungiselelo.

“Umasipala uzinikezele kangangoko ukuncedisana nathi kwesi sikhumbuzo, urhulumente wephondo naye uyinxalenye yethu ukukhumbula la madoda abulawa engenzanga nto.” Urhulumente weMpuma Koloni kunyaka ophelileyo uvule ithala leencwadi neholo yoluntu kule ntaba.

Othethela iSebe leMidlalo neNkcubeko uAndile Nduna, uyangqina ukuba bazakuba yinxalenye yesi sikhumbuzo.

“Njengesiqhelo sizakuba siyinxalenye yalo mcimbi kuba siyinxalenye yamalungiselelo esi sikhumbuzo,” utshilo.