Akhunjulwe amaxhoba abethwe ngumbane ecaweni eTsomo

Ibandla lamaWesile Amanyeneyo kwidolophu yaseTsomo likhumbule amaxhoba amane asweleke emva kokubethwa ngumbane ecaweni.

Aba bangasekhoyo ngoomama abathathu, notata omnye bachazwe kwinkonzo yesikhumbuzo ebibanjelwe eMgxobhozweni njengabantu abazinikele ngokupheleleyo ebandleni kwaye basweleke ngemini ebebevuselela ngayo izethembiso zabo kwinkonzo yomnqophiso.

Ebalisa ngesi sithwakumbe athi akasoze asilibale umfundisi uZamuxolo Ngcephe uthi “Ngomhla weshumi elinesihlanu ibilusuku lwam lokuqala kule sekethe, intshumayelo yam yokuqala kwindlu yokukhonzela entsha. Emva kwenkonzo ndiye ndaya etafileni sahlala silungiselelwa into esiwa phantsi kwempumlo sabe sibona ukuba izulu liyezisa.”

Uhambisa athi ngenxa yesitshi semvula baye bavala ucango kunye neefestile zecawe. “Ndiye ndanombilini ndakubona kumnyama ndathatha ikhandlela elimhlophe ndalayita, khange iphele imizuzu emithathu ndibuyele esitulweni sam, khange kudume okanye imibane emininzi kutsho nje isithonga sasinye ndabona uDlabane (elinye lamaxhoba) esihla ngodonga ndabe nam nditshowukwa nditsarhwa ndikhabakhaba ndizijula ngapha nangapha,” utsho umfundisi.

Amalungu ecawe azibonele ngokwabo bachaza esi sehlo njengombono ombi obuhlungu nongasokuze uphele ezingqondweni zabo, nezikhalo zalo mini azisokuze zicime ezindlebeni zabo.

Umhlekazi lo ungene ecaweni ubethe imingxunya emihlanu kudonga eshiya umonakalo omkhulu. Ukanti neegusha ebezizimele ecaleni kwendlu leyo yecawe azisindanga.

Ibhunga leetyalike kwisithili saseChris Hani kunye nesebe lezophuhliso loluntu eMpuma Koloni bandwendwele iintsapho zamaxhoba. Umphathiswa wesebe uNancy Sihlwayi ukhuthaze iintsapho ngelithi kubuhlungu okwenzekileyo kodwa uThixo sisiqalo nesiphelo.

Uthi “Oonontlalontle bayile kule mizi babona iimeko zekhaya ngalinye kuza kuncedwa ngokwemfuno zekhaya ngalinye, bangathi bexhuzuleke emphefumlweni baxhuzuleke nezidumbu edongeni. Sinethemba lokuba uThixo ubabeke endaweni engcono ababhubhelanga etywaleni okanye besiba.’’

Nangona kuza kuthatha ixesha elide ukuba usapho lwakwaMvikweni, olwakwaDlabane, olwakwaNtozini kunye nabakwaGqwesha ukuba baxole bathi bayamkele imeko nanjengoko intando yomdali ingenakuphikiswa nangubani na, nakule imeko bathi kuthande yena. Amaxhoba aza kubekwa kwiindawo ezohlukeneyo ngempelaveki.

– isibhalo@inl.co.za