Akhunjulwe amaxhoba empuphuma aseGcuwa

Amalungu eentsapho ezasweleka ngo1993 kumlambo waseGcuwa iBawaIMIFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UROWAN Jikwana uthi nanamhla oku, uhlala uthi tha umbono ngethuba wayeyinxalenye yokonyulwa kwezidumbu zezizalwane zakhe ezibini ezabandakanyeka kwintlekele yokumka nomsinga ngethuba bewela umlambo waseBawa eGcuwa ngo1993.

URowan uthi izihlobo zakhe – uNeliswa Jikwana noZiyanda Qutu – zaba yinxalenye yesithwakumbe sokumka nomsinga kwabantu abalishumi ababevela kwidolophu yaseGcuwa behamba ngeveni.

UZiyanda washiya ngasemva usana oluneentsuku ezisixhenxe kweli lishwa, sana olo sele luyintombi endala ngoku ephangela eRhawutini.

Ethetha nephephandaba I’solezwe kumsitho wokukhumbula la maxhoba, nobuququzelelwe ngurhulumente, uRowan uthe: “UNeliswa noZiyanda babevela kwilali ekuthiwa kuseTholeni, bakhwela le veni ekucaca ukuba yayi yeyokugqibela. Yathi xa iveni yabo iwela emlanjeni kweza umsinga omkhulu.”

URowan uthi wayengomnye wabantu bokuqala ukuyokukhangela imizimba yamaxhoba. “Safika imizimba imibi kakhulu, kuba sayifumana kude nendawo yexhwayelo,” utshilo uRowan.

NgeCawe, yomhla weshumi elinesine, uMphathiswa wesebe lemisebenzi yoluntu uNkosinathi Nhleko, utyelele le ndawo yexhwayelo apho athe wanika imbeko kumaxhoba ngokuthi abeke iintyatyambo kwilitye lesikhumbuzo elakhiwe lisebe lakhe kufuphi nendawo yexhwayelo.

UNhleko ebephelekwa ngugxa wakhe ephondweni uThandiswa Marawu kwakunye noSodolophu waseMnquma uThobeka Bikitsha.

Isebe lemisebenzi yoluntu lakhe ibhulorho esemgangathweni kufuphi nendawo yexhwayelo. Le bhulorho yakhiwe ngokubambisana nesebe lokhuselo.

UNhleko uthi le nkqubo yokwakhiwa kwebhulorho izakuqhuba nakumanye amaphondo, igxile ezilalini. “Sibone ukuba masize eBawa ukuza kukhumbula la maxhoba. Ubuninzi babo yayingamakhosikazi, nto leyo esenze ukuba sikhumbule olu suku ngeMothers Day,” utshilo uNhleko.

UNoziphiwo Mboxwana yena waphulukana nomakazi wakhe uNolukhanyo Daniso. “Wayephangela ezifemini eGcuwa. Saba buhlungu ngokubhubha kwakhe,” utshilo uMboxwana.