Akhunjulwe amaxhoba esikhumbuzo saseBulhoek

Akhunjulwe ngengoma, imixhentsho, nentetho ezilusizi amadoda angamakhulu amabini adutyulwa abhubha phezu kwentaba yaseNtabelanga eBulhoek ngenyanga kaCanzibe ngo1921.

Esisikhumbuzo kwisiza iBulhoek Heritage Site izolo.

La madoda ayengamalungu enkonzo iSouth African Church of God and Saints of Christ (inkonzo kaSirayeli) emva kokungavumi ukushiya indawo ababethandaza kuyo kule ntaba.

Urhulumente kaJan Smuts wayenyanzelisa ukuba amalungu alenkonzo ahlukane nokusebenzisa lo mhlaba kuba wayesithi babangela ukukhula kwamanani abantu abamnyama ababelandela le nkonzo.

Izithethelela inkokeli yabo uEnoch Mgijima kwabo barhalela igazi lalomadoda wathi. “Aba bantu ababizwanga ndim apha, kodwa babizwe lilizwi ukuze baze kudibana kule ndawo yaseNtabelanga,” watsho uMgijima.

Ingxelo ithi lo madoda adutyulwa ethandaza kanye phambi kokuba avule amehlo. Abanye kubo babethwa ngamazembe, abanye besikwa nangesarha nangezinye izixhobo.

Elo langa lomhla wamashumi amabini anesine kuCanzibe latshona kubhubhe amadoda akumakhulu amabini, abalikhulu bengxwelerhekile logama abalikhulu elinamashumi amane anye babanjwa bavalelwa kuquka uEnoch Mgijima.

Ingcali yembali nesazi ngale ntlekele uLwazi Mgulwa uchazele loo nginginya banzi ngeziganeko zolosuku. “Bazama ukudubula uMgijima kuba yena wayenxibe isinxibo esisodwa enxibe iimpahla ezibomvu, kodwa imbali ithi wayengadubuleki yena,” utshilo uMgulwa.

La madoda abhubha apho angcwatywa kwingcwaba elinye phantsi kwalo ntaba yaseNtabelanga.

“Bangcwatywa ngendlela engenasidima kuba bagalelwa nje, iintloko zabanye zijonge eMpuma abanye iintloko zijonge eNtshona,” utsho uMgulwa.

Emva koko wabanjwa uMgijima ngesityholo sokubulalisa abantu, kodwa kamva waphuma eluvalelweni. Amadoda abanjwa bengamaqela amathathu besiya kuvalelwa eKapa, Westlake naseKimberley.

Ethetha kulo msitho umphathiswa wesebe lemidlalo nenkcubeko uPemmy Majodina kweli phondo uthe bazakuqhubeka ukuxhasa esisikhumbuzo. “Sijonge ukuba sibekunye nabo kwisikhumbuzo seminyaka elikhulu ezayo, kuba le ntlekele yenye yeentlekele ezisibhozo esinazo kweli phondo leMpuma Koloni,” utsho uMajodina.

Lo mphathiswa uthe basebenze nzima ukumanyanisa le nkonzo ukuze baqhube esisikhumbuzo bemanyene. Indawo akuyo la mangcwaba ijikwe yenziwa indawo yotyelelo logama ikwanikezelwe kurhulumente ngokusemthethweni ukuba ibeliziko lelifa lembali kwilizwe ngokubanzi.

Eli ziko limumethe iziko logcino ndalo, ithala leencwadi iholo lenkonzo kunye nelongcwaba linye lamadoda angamakhulu amabini.