ITHI ayikaboni tshintsho imibutho ezimeleyo yasekuhlaleni phantsi kwemanyano ebizwa njenge ECHCAC ekuhanjisweni kweenkonzo lisebe lezempilo eMpuma Koloni.
Le mibutho yaseka ikomiti iECHCAC ejongene neengxaki zezempilo kweli phondo kwiminyaka emithathu edlulileyo. Emva kokuba le komiti ithe yapapasha ingxelo ngobume benkonzo yezempilo kweli phondo, kwangenelela ikomishoni yamalungelo oluntu.
Imiba engundoqo kwingxubakaxaka yenkonzo yezempilo kweli phondo iquka ukufikelela kade kwenqwelo yezigulane kwiindawo ebizwa kuzo, kwaye inamaxesha okungafiki kwaphela, iingxaki zokunqongophala kwamachiza kwizibhedlele neekliniki, inkonzo yezempilo engafanelekanga kubantu abakhubazekileyo, abangathathi ntweni, nabo sebebadala kwiindawo ezingamaphandle.
Kwindibano ebibanjwe ngamalungu ale komiti eMonti kutshanje, iECHCAC idize ukuba akukho tshintsho lubonakalayo kwimiba yeenqwelo zezigulane, nangona isebe lezempilo kweli phondo libika ukuba lizandisile iinqwelo zezigulane.
Oku kwenzeka naxa ikomishoni elwela amalungelo oluntu yadiza ukuba okwenziwa lisebe lezempilo kunyhasha amalungelo oluntu. Le komiti ikwadize ukuba ngathi kukho ukubhideka kwesebe lezempilo ngoxanduva lwalo kuluntu lweMpuma Koloni, kwakunye nengxubakaxaka ejongene neli sebe kumaziko ezempilo.
Ithe ukunqongophala kwamagosa ezempilo, amanesi, oogqirha nabanye abasebenzi – yeyona nto ixhalabisa kakhulu kwimpilo yoluntu lweli. Igxeke eli sebe ngokuguqula ubume bendlela elisebenza ngayo endaweni yokwandisa inani labasebenzi.
Ikomiti ye-ECHCAC ithi, ixhalabile ngokuba olu tshintsho luzakubeka uluntu lweli phondo emngciphekisweni. Kule ndibano, le komiti igqibe kwelokuba izakuqhubekeka nokubamba uthetha-thethwano nesebe lezempilo kweli phondo ngelixovula imiba ethe yavelelwa kwindibano yayo.
Ikwagqibe kwelokuba izakuqinisekisa ukuba ziyaphunyezwa izindululo zekomishoni yamalungelo oluntu. Ikwathe lonke uluntu lweMpuma Koloni lifumana inkonzo yezempilo engakhethe bani kuba ekhubazekile, ehluphekile okanye egugile. Izakubamba uthethathethwano neemanyano zabasebenzi ngelinyanzelisa ukuvalwa kwezithuba zengqesho ezithile.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo