‘Akukho gqatso eNelson Mandela Bay’

Usihlalo we-ANC eMpuma Koloni uPhumulo Masualle uthi izankxwe zeDA zokuba i-ANC izakuphulukana nolawulo kumasipala iNelson Mandela Bay emva konyulo loomasipala “liphupha nje”.

UMasualle ebethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa eBhayi ngoMgqibelo phambi kokuba kuqale umsitho wokuphehlelelwa komqulu wezithembiso we-ANC.

Uthi inkxaso ye-ANC ininzi kummandla waseNelson Mandela Bay. “Sikubonile oko ngethuba sijikeleza lo mmandla kutshanje. Inkxaso ye-ANC kule ndawo ingummangaliso,” kutsho uMasualle.

UMasualle ukwathandabuze umgqatswa wobusodolophu kwiDA eNelson Mandela Bay * -Athol Trollip esithi: “Isingathi babhude umhlola ngalo mgqatswa (Trollip) wabo, kuba i-ANC akukho lugqatso lungako ezakujongana nalo eNelson Mandela Bay ngethuba lonyulo.”

UMasualle uthi, iingxaki abazifumene kubantu baseNelson Mandela Bay ziquka iimfuno zenkonzo ezikumgangatho, amathuba engqesho, ukupheliswa kwemilo yoonqevu kumantla eBhayi kwanokupheliswa kolwaphulo-mthetho ezilokishini.

“Zizinto ke ezo esigqibe kwelokuba siqubisane nazo. Xa uqwalasela, ubuninzi bezi zinto sele sikwiinkqubo zokuzilungisa,” utshilo uMasualle.

Kodwa uTrollip ukholelwa ukuba utshintsho kulo masipala lakwenzeka xa iDA iselulawulweni.

“Urhulumento olululo luzakwenzeka kuphela xa iDA ixhuzula iintambo zolawulo. Ukhuliso loqoqosho, ukwakhiwa kwezindlu, ukuliwa kobundlobongela nokuqiniswa kweziseko kungayenza iNelson Mandela Bay ibekwiqoqo eliphezulu njengesixeko saseKapa apho kuphethe iDA,” utsho uTrollip.