Akukho mntwana namzali emsebenzini

Kukho into apha ekudala siyiqaphela kwiindawo zengqesho kule Mpuma Koloni kwaye sinesikrokro sokuba yiyo ebambezela uphuhliso neengcamango ezintsha. Le nto yinto enzima kakhulu ukuyingqala ngqo ngoba ungaphuma uphatshe kusithiwa uyadelela ukuba awuyizi ngononophelo.

Kwiindawo zengqesho, ingakumbi kumasebe karhulumente siye sifumanise ukuba ubukhaya buninzi; koogxa abadala kuye kuthiwe “mama” okanye “tata” kwaye ufumanise ukuba kukho ukuzithoba okuninzi kwabancinci ngeminyaka. Ufumanise ukuba kukho nababizwa ‘njengabantwana’ babe ke phofu bengaphaya kweminyaka engamashumi amathathu ngobudala. Ufumanise ukuba abo ‘bangabantwana’ kubanzima ukuba bazithembe kwaye uluvo lwabo aluvakali ncam kwiindawo zengqesho.

Kwimithetho yengqesho nemisebenzi yeli akukho nenye into enyanzelisa oku; iindawo zengqesho ziindawo zokulingana. Ewe, kushiyana ngokwezikhundla kodwa intlonipho ibakho macala. Eyokuba ugxa wakho waneminyaka engamashumi amabini wena waneminyaka engamashumi amahlanu ayingeni ndawo. Nize ngento enye emsebenzini, ukusebenza.

Xa oku kucacile ingaba zingena phi izenyeliso nokujongelwa phantsi kwaba bantu ekuthiwa ‘ngabantwana’ emisebenzini? Abona bantu basecicini lolwazi olutsha nabanokuza notshintsho ikwa ‘ngaba bantwana’ bangamanyelwayo emisebenzini; baphele bexhoma iibhatyi beyokuphangela koomaRhawuti nooKapa apho oogxa babo abadala banokubabiza ngamagama, nalapho kuxatyiswe umsebenzi kunokuqaphela izikhundla nokoyikana.

Kutheni silibala lula kangaka ukuba abantu abaza notshintsho kwizwe lethu babepha kwiminyaka engamashumi amabini xeshikweni besenza izinto ezinkulu emhlabeni? OoBiko, ooMandela, ooSankara, ooLumumba, nabanye. Kutheni iinkokeli ezazinikwe amathuba okwenza izinto zilulutsha zingafuni ukuphulaphula nokusebenzisana nolutsha lwanamhlanje? Ukuba sifuna ukugcina italente kweli phondo kwakufuneka sihloniphe ulutsha. Akukho mntwana emsebenzini kwaye akukho mzali. Wonke umntu makatshone emboneni!