Oku kusoloko kuthethwa luluntu leli leMpuma Koloni xa bezama ukuthetha nezihlobo zabo, ngoku abakwa Vodacom banesisombulu esitsha kule ngxaki. Yimali ekwizigidi ezingamakhulu amahlanu eerandi (R500 million) ekulindeleke ukuba ichithwe yile nkampani kulo nyaka mali ukulwa ingxaki zokunqongophala kwe nethiwekhi.
Ukungabikho kwenethiwekhi kubangela iingxaki ezininzi ezenza nzima impilo yoluntu. Le ngxaki yokunqongophala kwe nethiwekhi kuqale kwiminyaka emibini egqithileyo kwindawo ezininzi zeMpuma Koloni.
UZakhele Jiyane ngumlawuli oyintloko kwaVodacom eMpuma Koloni. “Iindawo zaselokishini neendawo zasezilalini zisengxakini, sizimisele ukuba siphucule unxibelelwano ngokuchitha lemali,” kucacisa uJiyane.
UJiyane uthi ingxaki yokucima kombane igalele enxebeni kwingxaki abajongene nazo, ngoko bazakuzama amacebo okongenza umbane kwiipali zabo. “Sizimisele ukuqhubeka siphucula inethiwekhi yethu ukuze sinike abaxhasi bethu unxibelelwano elikwizinga eliphezulu, kubalulekile kuthi ukonga nokuchitha imali yethu kubaxhasi bethu,” kutsho uJiyane.
Onokrawuzana bathi ukucima kwenethiwekhi kwiMpuma Koloni kunento yokwenza nedabi lezopolitiko abathenjiswe inqatha zinkampani zangaphandle ezifana noHawaii. Ukusukela ngonyaka ka2020 abantu basebenzela emakhaya bethumela iingxali zemisebenzi yabo, bambi bebamba iintlanganiso besebenzi inethiwekhi.
“Ubuninzi balemali buzakusetyenziswa ukwakha amaziko amatsha enethiwekhi, ukuphucula inethiwekhi nokulwa ingxaki yocimicimi wombane,” kucacisa uJiyane.
OoMasipala abaquka iBuffalo City, iNgquza Hill, Ntabankulu, Mbashe, Mnquma nabanye ooMasipala kulindeleke ukuba baxhamle kule nkqubo.
“Ngamaziko enethiwekhi alikhulu elinesithandathu esizakuwakha kwiMpuma Koloni ngokubanzi, siyakholwa ukuba oku kuzakuguqula izinto,” kutsho uJiyane.
Uthi bazimisele ngamandla ukuqinisekisa ukuba uluntu leMpuma Koloni lufumana unxibelelwano ngenethiwekhi ngaphandle kwengxaki. “Asikwamnkeli ukubona abantu abahlala ezilalini besokola unxibelelwano ngenethiwekhi, kumele ukuba nabo babeyinxalenye yelizwe eliguqukayo,” uhambisa atsho uJiyane.
Abakwa Vodacom bazimisele ukuvala isikhewu sokungafikeleli kwabantu basezilalini kwinethiwethi engabaniki ngxaki. “Ndiyazingca ngomsebenzi osele wenziwe yinkampani yakwaVodacom eMpuma Koloni ngokwenza amaxabiso afikelelekayo kubathengi bethu,” uqhayisa atsho uJiyane. Uhambisa athi uphando olenziwe kutshanje zinkampani zabucala ngendlela ezisebenza ngayo inethiwekhi zeli, abakwaVodacom bahamba phambili.
“Sihamba phambili ngamaxabiso, ukuthembeka kwenethiwekhi namaxabiso afikelelekayo kubathengi bethu,” kutsho uJiyane. Uthi inkampani yakwaVodacom igalele imali ekwizigidi ezibini zeerandi ukuncedisa uRhulumente weMpuma Koloni ukulwa ingxaki yembalela.
Ukuphucuka konxibelelwano ngenethiwekhi kuyakunceda uluntu ukuba lilwe ngempumelelo ingxaki yolwaphulo mthetho.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo