Akukho themba eThembalethu!

Molweni, ndingumfundi nomthandi weI’SOLEZWE eMonti kwindawo yaseReeston eThembalethu, kunzima asinaNetwork, asinandlela, asinasikolo, asinakliniki, asinasikhululo samapolisa.

Kubanzima kakhulu kubantwana bethu xa besiya esikolweni, bathuthwa ziimoto, ezinye ziya kwiindawo ekuthiwa yiDice apho kukho iHigh School, abanye bade baye nangeenyawo xa beshiywe yimoto. Inye naloo moto, bade bajinge ngasemva abanye kube nzima kwaba bancinci, bona bafola ngoo-6:30 kuba baninzi. Ukuba umntwana imshiyile akanokuya esikolweni kuba kukude kubo.

Uphi owethu umbane?

Sinengxaki endaweni esihlala kuyo kukho umbane kodwa thina sikumanxiwa amatsha asikafakelwa, ngunyaka wesixhenxe lo. Kwa-Eskom kuthwa masize noceba, xa simxelela uthi akangeni ndawo!

– Umhlali, eZundwana no3

*Thumela eyakho ileta ngoWhatsapp / SMS ku 063 743 9538