Akukho themba lomanyano kwisizwe samaMpondo

Alikho ithemba lomanyano kwisizwe samaMpondo nangona kukho amarhe okuba kuza kubekwa iKumkani yesi sizwe eNdimakude eFlagstaff kwisithuba seeveki ezimbini.

Ingxelo ekhutshwe likomkhulu lamaMpondo eQawukeni ngomlomo kaNkosi Mandilive Cinani ithi akukho mthethweni ukubekwa kukaZanozuko Sigcau. Umbutho ozibiza ngokuba yiMbumba YamaMpondo uthi uzakuqhubela phambili ukubeka iKumkani yabo uZanozuko Sigcau.

“Lo ngumcimbi osaxoxwa ezinkundleni, asiyazi le ithethwa ngaba bantu bathi bazakubeka iKumkani enguZanozuko, siya enkundleni ngomhla weshumi elinesixhenxe kanye ngalo mcimbi,” uthethe watsho uCinani.

AmaMpondo aseQawukeni athi anombuzo wokuba ngubani ozakubekwa njengeKumkani, ebekwa ngubani? “Sinqwenela ukulumkisa isizwe samaMpondo ukuba bangavumeli ukukhuthuzwa emini ngokuhlawuliswa iinkomo ngabaququzeleli balo mcimbi,” utshilo uCinani. Uhambisa athi abukho ubuKumkani kwindlu ezala uZanozuko Sigcau, ngoko akukho Kumkani iza kubekwa eNdimakude.

UMlungisi Ndziba oyinkokheli yeMbumba yamaMpondo ngaphambili uxelele I’solezwe ukuba baqhubela phambili namalungiselelo okubekwa kweKumkani yabo uZanozuko Sigcau.

“Sinamagosa karhulumente asuka kumasebe ohlukeneyo, ayinxalenye yekomiti eyenza amalungiselelo okubekwa kweKumkani,” watsho uNdziba. Ukanti uCinani kwelakhe icala uthi akukho magosa karhulumente alindelekileyo kulo mcimbi wokubekwa kwale Kumkani.

“IiKumkani eziza kuzimasa lo mcimbi zizakuba zijongela phantsi ubuKumkani bamaMpondo logama bekwajongela phantsi ubuKumkani bezizwe zabo,” utsho uCinani. Uthi akukho tshintsho malunga nolawulo lobuKumkani bamaMpondo eQawukeni, iKumkanikazi Masobhuza Sigcau iseyiyo ebambe isikhundla.

Kwiveki ephelileyo, iNkosazana yesizwe samaMpondo uWezizwe Sigcau, uvakalise ukunganeliseki kwakhe emva kwentetho eyenziwe yiNkosazana uStella Sigcau.

“UStella lo akakwazi kuthetha esithi uthetha egameni lesizwe samaMpondo, akanalo igunya lokwenza oko, abukho ubuKumkani bamaMpondo eNtabankulu,” watsho uWezizwe. Ethetha ngalo mcimbi, umphathiswa wesebe lentsebenziswano kurhulumente nemicimbi yemveli uFikile Xasa kwinyanga ephelileyo wathi: “Sonke sinomdla wokubona isisombululo kulo mcimbi kodwa ngelishwa usesezinkundleni, sixhomekeke kwisigqibo senkundla,” watsho uXasa.

Le ntsindabadala yetyala izakungena enkundleni ephakamileyo yezibheno eBloemfontein ngomhla weshumi elinesixhenxe kule nyanga.

Ukanti ikho intlanganiso ebibanjwe kwiveki ephelileyo ePitoli ligqiza eliphuma eNdimakude nebelimelwe nguNkosi Dumelani Sigcau, noNkosi Mandla Sigcau kunye nosekela mphathiswa uObed Bapela negosa eliphuma kwaCogta eMpuma Koloni. Useyimfihlo umcimbi ubuxoxwa kule ntlanganiso.