Akukho xolo kwiKhaya Loxolo eGugulethu

EKAPA: BAYAXAMBULISANA abadla umhlalaphantsi eGugulethu bebanga ilungelo kwikhaya eligcina abantu abadala, Ikhaya Loxolo.

Le mpixano sele ingxamele ukuxaka kangangokuba nkqu noceba, iGugulethu Development Forum (GDF) nombutho omele amalungelo wabantu, Abemi, bade bangenelela.

Le ntsumantsumane yaqala kweyoKwindla emva kokuba kwakhutshwa amalungu eqela labantu abadala, iVuyolwethu Senior Club kwiholo lase Ikhaya Loxolo ababesebenzela kulo.

Ngokutsho kukaNomonde Kweza weGDF, isizathu sokuba mabakhutshwe yayikukuba kwakulungiswa indawo yokuphekela apho eIkhaya Loxolo, baze bacelwa ukuba mabaphume abeVuyolwethu ukuze kungene abo bagcinwa kwiKhaya Loxolo ngelixa kusalungiswayo.

Kodwa, unobhala wa-Abemi, uSithembiso Luphando, uthi kungokunje awasavunyelwa amalungu eVuyolwethu ukuba mawangene ngoku.

“Emva koko beza kuthi bezokukhalaza becela ukuba sibamele. Sifumanise ukuba bagxothwa kwindawo ebebeyisebenzisa nangona benelungelo kuyo. Baneempahla zabo ezatshixelwa phaya.”

Uthi uyamangaliswa yinto yokuba bangavunyelwa abantu abadla umhlala phantsi kwikhaya labantu abadala.

“Le nto yokungavunyelwa kwabo ukuba bangene phaya ibenzela isithukuthezi. Kulapho bebesonwaba khona phaya eIkhaya Loxolo. Kaloku ngoontanga babo abahlala phaya. Bebesiya kubo, bayokuncokola, bachithe isithukuthezi,” utshilo.

UKweza uthi ngamampunge la athethwa ngabantu beVuyolwethu.

“Aba bantu babengenalo kwakuqala ilungelo lokungena apha. Kaloku bona liqela elifumana inkxaso yemali kuSocial Development. Bekufanele basebenzisa loo mali baqeshe indawo yokwenza izinto zabo. Ikhaya Loxolo yindawo eyenzelwe abantu abadala abangenabani. Amalungu weqela leVuyolwethu ahlala emizini yawo,” utshilo.

Uceba uSharon Manata uthe uza kubamba intlanganiso nala maqela omabini ukuze kusonjululwe le ngxabano.

“Imbi into yokubukela abantu abadala bexambulisana. Ndiza kuhlala nabo phantsi ngoLwesibini ukuze kubekho isivumelwano. Mhlawumbi kungathethwana kubonwe ukuba abanakuhlawuliswa na. Ndinqwenela ukuba bangene ngeentliziyo ezimhlophe abantu abadala kwindawo yabo,” utshilo.

isibhalo@inl.co.za