Akulahlwa mbeleko ngakufelwa

O! Singade sigibisele izandla emoyeni sithi “kubi! kubi! kubi! iMpuma Koloni ngumkanja kwezemfundo!”

Hayi nto zakuthi. Hayi. Andithi iziphumo zebanga leshumi-elinesibini (Grade 12) ziphumile izolo. Sava nomphathiswa wemfundo esisiseko ebhengeza ukuba iMpuma Koloni yethu yeengqwele iqhwalele ngo56.8 wepesenti yabafundi abaphumelele ibanga leshumi.

Sikhe sathi ukuzula-zula umnatha wonxibelwano, sathetha nabafundi, sathetha neenqununu, sathetha nabahlali ngokubanzi. Uyakuzibonela ezi zimvo kweli phepha lanamhlanje. Sifumanisa ukuba ingxaki ikhona. Phofu ke kudala kwakhalalazwa ngemfundo yaseMpuma Koloni. Bambi bade bathi “urhulumente weli phondo akanamsipha namfundi womntwana omnyama!”

Bambi bathi ingxaki ngabazali. Abanye bathi ingxaki zizixhobo zokufunda ezikolweni.

Ukuba ukhe ufumane ithuba lokutyelela iilali zeli phondo ungangomnye wabantu abangothukiyo xa bebona ezi ziphumo zebanga leshumi-elinesibini. Akho nto yothusayo tu. Okokuqala izikolo zikude, abantwana bahamba imigama emide; into ethetha ukuba zibakhona iintsuku abaziqakathayo. Kuphinde kubekho nomba wootitshala abangazimiselanga okanye mandithi abatyhafileyo.

Umzekelo kulo nyaka uphelileyo (2015) khange khe sive ngeeklasi ezongezekileyo zabafundi bebanga leshumi-elinesibini, khange sive ngabafundi abafundayo nangeeholide zesikolo. Bekukho neenkqubo zokufunda kumnatha wonxibelelwano (E-Learning) eziqalileyo kwamanye amaphondo; khange ziqale kweli lethu iphondo. Ngoba? Kuphinde kubekho nomngeni wokuba iiLTSM (Learning and Teaching Support Materials) zalo nyaka uphelileyo zange bazifumane ezikolweni zephondo. Azikafiki nezika-2016…

Singabhala kutshone ilanga ngeengxaki ezijongene nezemfundo yeli phondo kodwa ukuba siyavumelana ukuba ingxaki ikhona; ingasisiqalo esi. Nathi kweli phepha sakukhe sizame iindlela zokuncedisa kwezemfundo. Noko, kubi, kodwa akunyanzelekanga ukuba silahle ithemba. Isesezandleni zethu sisonke le nto yemfundo.