Akungeni kutya kumama odlwengulwe ngosuku loomama

Umama (51) welali yakwaNombanjana kuCentane odlwengulwe into engapha kweyure ngokokutsho kwakhe, edlwengulwa yindoda ayaziyo, uthi usaphakuzela oko ngathi izimele ngasemnyango le ndoda kwaye ingangena nanini. Uthi iphelile imini yangoLwesibini engakhange akufake ukutya emlonyeni akungeni, kwaye nobuthongo oko kwenzeke oku akasabuboni naxa eqhwanyaza unombono wale ndoda. Umama uthi asele ekoyikis ela ngoku kukunikwa kwebheyile kwale ndoda kuba akayazi iza kuphuma imenzeni eziseleni nanjengoko sele ibanjiwe kodwa ingekaveli enkundleni.

Lo mama udlwengulwe ngoMvulo emva kwentsimbi yesihlanu emveni kwemini, kanye ngolu suku lubekelwe bucala amanina eli loMzantsi Afrika. Uthi usaphakuzela nangoku kwaye usenombono wale ndoda emehlweni akhe.

Umama ngumntu oqhwalelayo ongakwazi kuhamba ngokukhawuleza ngenxa yomlenze wakhe wasekhohlo athi wadalwa nawo. Ebalisela eli phephandaba ngokwenzeke kuye uthi, ebebuya kumzi wetshomi yakhe ngethuba edibana nale ndoda nethe ayabuza yamrhuqa, icinga ukuba unxilile yabe imrhuqela kumzi aqashe kuwo apho athi lo mama khange aviwe nangomnye umntu ngethuba ekhala ecela uncedo njengoko bekusakhanya. Le ndoda yeyelali yakuMacibe kwakuCentane, kwaNombanjana ize ngokuzokusebenza nengumqhubi weteletele.

“Lo mfana ungaphantsi nangeminyaka kum ufike wandijula phezu kwebhedi yakhe endivale umlomo kwaye ndingasenawo namandla okulwa kuba bekukudala ndizama, ndisilwa ndicinga ukuba uza kude andiyeke esandirhuqa. Kuyeke yena emva kwento engapha kweyure xa ndicinga, akugqiba wandivulela ndagoduka.”

“Amapolisa andise esibhedlele apho ndiye ndathetha noNontlalo, ndatsalwa negazi, ndahlolwa nangugqirha wabe esithi ugqirha ndonzakele kakhulu kuba nangoku akukho lula ukuchama,” utshilo lo mama.

Umrhanelwa uvalelwe ngamapolisa ngoLwesibini nalindele usuku lokuvela kwakhe kwinkundla yamatyala kuCentane malunga netyala abekwe lona lokudlwengula.

Lo mama uthi indlu ahlala kuyo nabantwana bakhe kwakunye nabazukulwana bakhe abane lityotyombe, kungoko esoyika kuba ingalikrazula eli tyotyombe le ndoda, abakhuselekanga. Uthi yanga ingalo yomthetho ingathi iqinise isandla anganikwa bheyile umrhanelwa.