Akusehli buthongo kodukelwe yintombi yakhe!

Sinazo Jack

“Ngase ndingabi ndodwa kuhlale kukho umntu apha endlini, kwaye ingase ndingaphuthelwa nasebusuku kuba ukuphuthelwa kwam nokuba ndodwa kwam kukubuya kweengcinga kuqaqambe intliziyo.” Anga ngamazwi kaNowise Jack, 65, waseBolothwa eDutywa odukelwe liphelo lakhe elinguSinazo Jack , 32, owagqityelwa ukubonwa ngawenyama ngomhla wokuqala kuJuni edolophini eDutywa.

Ngokokutsho komama sele iyinyanga yesithandathu le intombi yakhe yadukayo, nathi wayigqibela ngoJuni bedibana erenkini eDutywa iyomnika imali yomntwana wayo oneminyaka esixhenxe ohlala naye ekhayeni.

“Ithemba lethu bendisithi lisemapoliseni kodwa ngoku ndityhafile kuba akude kuze nto icacileyo kuthi. Iinyanga ziyaqengqeleka, ngomphi umzali onoze kwehle ubuthongo engamazi umntwanakhe apho akhoyo? Amapolisa awasalilandeleli eli tyala nangona nje umkhondo sasiwusile ngaphambili, kusathe cwaka,” utshilo uNowise.

Uthi bayihambile imizi yabangcwabi eMthatha befanisa, baya naseNgcobo emva kokufumana umkhondo wokuba kucholwe umzimba wenkosikazi kodwa ayabi nguye.

Ngokwengxelo ephuma kuToto Jack nongubhuti kaSinazo, uSinazo ibiyinyanga yakhe yokuqala ephangela kumzi osedolophini eDutywa nengumzi wotata onesikhundla esiphezulu kwenye yeenkonzo zaseDutywa.

UToto uthi uSinazo wagqityelwa ifowuni yakhe isesandleni ngethuba eyokunika umama wakhe imali yomrholo wakhe wokuqala kulo mzi. Usapho luthi lweva ngotata weli khaya ukuba uSinazo udukile kwaye sele kulithuba edukile. Utata lo wabaxelela sele esithi sele ebuya nasemagqirheni eyokuvumisa ukuba ingaba usaphila na uSinazo. Usapho luqhuba luthi umntu owafunyanwa enefowuni kaSinazo ngunyana walo tata nawathi xa ebuzwa ngamapolisa aseDutywa ngefowuni waxhuzula.

Unyana wabalekiselwa kwisibhedlele saseGcuwa nalapho emva kweentsuku kwafikwa eqhweshile.

“Ifowuni kaSinazo iyavalwa emini, ebusuku ivulwe kodwa kunzima ukuba amapolisa aphande lo nto sele ukhona umkhondo. Azama ukuphanda kodwa siphinde sabona ethe cwaka, umcuphi walo sibona ngathi akasasebenzisani nathi,” utshilo uToto.

UNowise uthi okwaye kwamxhalabisa nangakumbi kukuba zadlula iinyanga ezintathu ziqengqeleka imali ingakhutshwa ebhankini xa iyigranti njengesiqhelo idla ngokukhala efowunini. Usapho ngoku luthi sele lulindele nantoni okokuba bafumane umkhondo zingaxola iintliziyo zalo nokuba imeko ithini.

Inkumanda kwisikhululo saseDutywa uCol Ncedo Ngwendze uthi banalo ulwazi malunga neli tyala.

Uthi bebedibene nosapho kwiveki ezidlulileyo bethabatha enye ingxelo eqhubekeka netyala eli.

Uthi uyayiqonda ukuba ixesha lide engafumaneki umntwana kwaye nosapho akukho mnandi kulo ngalo nto.

Logama uToto esithi emva kokuthathwa kwaloo ngxelo kwiveki ezintathu ezidlulileyo zange kwabakho nomnxeba ovela kumcuphi kusathe cwaka.

Isithethi samaPolisa ephondweni uKapteni Khaya Tonjeni, uthi ngokwenene bengamapolisa umsebenzi wabo kukukhusela kwanokhathalela uluntu ekuhlaleni.

Uthi xa umntu ezibona engancedakali kumcuphi ohoye ityala unalo ilungelo lokudlulela kuMphathi-sitishi achaze ingxaki yakhe nalapho xa engahoyakali adlulele kwisitulo esilandelayo.