“Akuthengiselwa abangaphantsi kweminyaka eyi18”

USekela Sodolophu kuMasipala oMbaxa iBCM uPrincess Faku kwakunye negqiza ebeligqogqa iindawo zentselo eScenery Park.

Kubongozwa abazali ukuba bohlukane nomkhuba wokuthuma abantwana abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo (18) kwiindawo zentselo.

Oku kudizwe nguSekela Sodolophu woMasipala oMbaxa iBCM uPrincess Faku, eScenery Park eMonti, ngethuba kusenziwa ugqogqo kwiindawo zentselo ezikula mmandla.

UFaku uthi bebeyokujonga ukuba ingaba iindawo zentselo ezikula mmandla ziyawuthobela na umgaqo weEC Liqour Board, kwaye zinazo zonke kusinina iimpepha zokuthengisa.

UFaku ukwabongoze abazali ebebehleli kwezi ndawo zentselo beziselela ekubeni bangayenzi into yokuthuma abantwana ekubeni bayokuthenga utywala, nto leyo athi inokuthi ikhuthaze abantwana ekubeni nabo basele kwaye babe yinxenye yezixholoxholo ezenzeka kwiindawo zentselo.

UFaku uthi kwezi ndawo zokuthoba ukoma kufanele kubekho uphawu olubhalwa ngaphandle lokuba ‘’abavumelekanga abantwana abangaphantsi kweminyaka eyi18.’’

Le nkqubo yogqogqo lwezi ndawo yenzeke kule veki, iqhutywa yiBCM ibambisene nesebe loPhuhliso loLuntu neEC Liqour Board ngeenjongo zokuxhobisa uluntu kwanokujonga ezo ndawo zingayithobeliyo imithetho. Okunye ibikukufundisa abahlali kwanabanikazi beendawo zentselo ngemiqathango kwanoxanduva lwabo.

Iindawo ezithengisa utywala ezingeniweyo zibe sisibhozo, yabanye kwezo engakhange ikwazi ukuveza isiqinisekiso sokuthengisa nangona ezisixhenxe zisemthethweni.

Olu gqogqo lubangelwe kukubhubha kwabantwana abangamakhwenkwe kwakunye nabangamantombazana abangama21, abaphakathi kweminyaka eyi13-18 kwindawo yentselo iEnyobeni eScenery Park ngeCawa kwiveki ephelileyo.