Akuvumelekanga ukubanjwa kweziphumo zabafundi

EKAPA: ISEBE lezeMfundo eNtshona Koloni likhuphe isilumkiso esithi ukubanjwa kweziphumo zabafundi kuba betyala imali yesikolo akuzukwamkelwa.

Isithethi seli sebe, uJessica Shelver, uthi oku akukho semthethweni kwaye akuzukunyanyezelwa.

“Izikolo zizakunikezela iziphumo kubafundi kwiphondo lonke. I-ofisi yam seyifumene izikhalazo ezininzi ezisuka ebazalini malunga nezikolo ezingavumiyo ukukhupha iziphumo kuba abazali bengekahlawuli imali yesikolo. USection 41 (7) we South African Schools Act uthi malinganyhashwa ilungelo labafundi, oku kuquka nokufumana iziphumo. Lo mthetho usebenza kwizikolo ezizimeleyo nezikarhulumente ukuqala kuGrade R-12,” utsho.

UShelver uthi akukho nto ethintela isikolo sicele abazali bazokulanda iziphumo zabantwana.

“Ukuba iziphumo zibanjiwe nangesiphi na isizathu, isebe lizakuphanda ze lithabathe amanyathelo xa kukho imfuneko.”

Uthi bayayiqonda into yokuba izikolo ezininzi ziyasokola ukuqokelela imali ebazalini ingakumbi kwabo bangathathi ntweni.

“Ukucalulwa komfundi ngenxa yeemeko zezimali okanye imeko yomzali akukho semthethweni. Sibongoza abazali bonke basazise ngeemeko ezinjalo. Ndicela neenqununu zikhuphe iziphumo zabafundi. Sicela nabazali bahlawule imali ukuba bayakwazi.”

Abazali bayakwazi ukungahlawuli ukuba intlawulo ingapha kwe 10% erholwa ngumzali ngonyaka, utho uShelver.

Uthi kulo nyaka isebe likhuphe imali engapha kwe R49 million ukuncedisa izikolo ezikwi Quintile 4 no 5 ezingafumani mali ebazalini abasokolayo.

“Nokuba ithini na imeko yomzali ngokwezezimali, inqununu azinakucalula abafundi ngalo nto. Abazali mabatsalele ii-ofisi zezithili ezikufutshane ukufaka isimangalo.”