Akuzange kwasweleka mkhwetha kwelamaMbalu!

Ndihleli nabakhwetha ethontweni kwilali yaseKhubusi, kumhlaba wamaMbalu kwelo laseCumakala. Lo mhlaba ngulowo ufumaneka kwelamaNgqika, nowawufudula ulawulwa nguNkosi uMbalu.

Bambi izizwe zamaXhosa ezihlala kuloo mmandla uquka iNdakana; kwaZidenge; iKhubusi; idolophu iCumakala; eWolizini; uMlungisi; eMasimini; iCenyu; iXholorha; iNtili; iDohne; iKotishi; iHekele; uMgwali; uXaxazele; iKatikati kaDaliwe; ukuya kuma ngeSihoboti samaToyise, babezibiza ngokuba zezamaNgqika, maxa wambi kuthiwe ngamaMbalu, kungenjalo zibizwe ngenkabi yenkomo kaNkosi uMbalu, uZibula, kuthiwe ngamaZibula.

Undiva ndizichaza ndizikhankanya kuhle nje nangeqhayiya zonke ezi ndawo, ndenziwa kukuba nelunda lokukhulela kuzo, kuquka nokuzingca okukhulu okubangwa kukuba kuzo zonke ezi ndawo zakowethu, akuzange nangonyaka omnye kuphume ingxelo engokufa komkhwetha.

Enye yeendawo ezifana twatse nalo mmandla weCumakala, yiHeshele (equka iilali endikhe ndakhenketha kuzo ezifana neQhimirha; iNdofela; uBikizana; iPolmiti, eMbihli, eVoyizane naseMlamli), kuba nalapho le mbubho nendyikityha yokufa kwabantwana babantu esuthwini ngumnqa, into engaziwayo, nengazange ibonwe kwasendulo!

Ndithe xa bendijikeleza ndiphanda ngoku kusweleka kungaka kwabakhwetha esuthwini, ndachwayitiswa kakhulu nakukufumanisa ukuba nakwiidolophu ezifana noomaBhayi neMonti, ukufa kwabakhwetha kunqabe oku kwezinyo lenkukhu.

Oku ke zidwesha zakuthi, kulilinge lokuthi kwezo ndawo kuxhaphake isibi sokubhubha koonyana bethu esuthwini, zibe nokufunda nzulu kwindlela ekuqhutywa ngayo kwelo lamaMbalu aseCumakala, kwezi dolophu ndizikhankanyayo nakwelo lamaHlubi aseHeshele.

Ikomishoni kazwelonke yamalungelo aphathelele kumasiko, iinkolo kwaneelwimi ezahlukileyo, sele izenzile izikhokelo ezinokulandelwa ukuze kungaze kuphinde kubekho mntwana wamntu ubuya esuthwini ejongise umetyiso phezulu, koko bonke kufunwa babuye bevuma negqiza lamadoda aze kubalanda esuthwini kubuyelwa emakhaya kugwijwa ngochwayito olukhulu kusithiwa, “Somagwaza ndiza kugwaza ngalo mkhonto! Ngqawule! Ngqawule! Somagwaza ndakugwaza ngalo mkhonto!” Ithi xa ingena esangweni lo mzi loo ntsholo umve umhlabeli etshintsha esithi, “Qula kwedini, qula kwedini kabawo! Khawuze nazo kwedini, nazo kwedini kabawo! Ibhokhw`inetyala kwedini, hayi yho kwedini kabawo!”

Ngalo lonke ke elo xesha iintombi noomama bakhuphisana ngomyiyizelo kubethwa iingqongqo zamacangci ezilokishini nasezidolophini, ukanti kubethwa iimfele zempahla emfutshane kumakhaya asezilalini, nazo ke iintombi namanina zisitsho ngoncuthu lwengoma yovuyo, kuba abafana bebuyile ehlathini nasentabeni besithi, “Alukh`usana olungenanina, yasuke yakhal`inkedam`ingenabani!”

Kwezi ndawo zingayanyaniswa nambubho yabakhwetha, eyona nto iphambili ligalelo noxanduva lwamadoda kwisiko lolwaluko.

Kwezi ndawo zingangakhankanywa ngokusweleka kwabakhwetha, onke amadoda okuhlala kuthi kwakungena oonyana babantu esuthwini, kubekelwe yonke into bucala, uwabone amadoda equqa ebuyelela ngenkuthalo kweloo thafa, ihlathi okanye intaba angenele kuyo amakhwenkwe.

Ngumthetho kwezo ndawo ukuba abazali abanabantwana abasesuthwini bangapheli emathontweni, ukuze kuqinisekiswe ukuba isiko lihamba kakuhle kwaye isigezo; intlondi; ukungahloniphi nokonzakaliswa kwabantwana babantu, zizinto ezingekhoyo ezo esuthwini.

Ezona zinto kutshilwa ngazo kwezi ndawo kungafi mkhwetha kuzo, kukufundisa abantwana babantu ngako konke okulindelekileyo emfaneni nasendodeni esizweni, kuba kakade ukwenziwa kwendoda kukwakhiwa kwesizwe.

Xa amakhwenkwe nabakhwetha bengananzwanga, bengaqeqeshwanga kwaye bengafundiswanga ngobudoda nentlonipho ehambelana nobudoda, sicinga ukuba abo bakhwetha baza kuhlonipha njani xa besentlalweni.

Ezona zinto kugxininiswa kuzo kwezi ndawo zingababazwa ngakufa ebakhwetheni, kukwaziwa kwemvelaphi kwanomzi wengcibi kunye nekhankatha. Kulihlazo kule mihla ukubona abantwana babantu besetyenzwa kwaye besezandleni zeengcibi kwanamakhankatha angoovuk`esicithini!

Mawethu, nkqu neKomishoni yamalungelo amaSiko, iiNkolo neeLwimi ezahlukileyo (CRL Commission), iyibeka icace into yokuba xa abantwana babantu besezandleni zamakhankatha kwaneengcibi ezingawulandeliyo umcimbi, oko kungangunozala wembubho.

Kaloku ikhankatha elifunekayo lelo linamava, nelikwaziyo ukubona kwantlandlolo xa umntwana enengxaki ezifana nokukhotheka, ukufeda kwezintso nokuphathwa gadalala, kuba ezo zizinto ezinokudala ingozi nokufa emntwaneni, ingakumbi xa enokuphelelwa ngamandla.

Ngokufanayo nezi ndawo zibalasele ngokungabhujelwa ngabakhwetha, le komishoni ikwagunyazisa ukuba intsebenziswano phakathi kwabahlali, izindlu zowiso-mthetho, indlu yeenkokheli zemveli kwaneSebe loPhuhliso loLuntu, kumele izinze, kwaye kuqinisekwe ngoku kulandelayo: iminyaka efanelekileyo yokuya esuthwini; impilo entle emntwaneni phambi kokuya esuthwini; ukuqinisekisa ngokufaneleka kweengcibi namakhankatha; kunye nendima yootata babantwana kwanamadoda ngokubanzi kukhuseleko esuthwini.

Ukuba konke oku kungaqinisekiswa ukuba kumi ngendlela, kufundwe kwimizekelo yeendawo ezifana neCumakala neHeshele (nezinye endingazikhankanyanga), ndiqinisekile ukuba oku kuhlazeka kufuna ukugubungela isiko lethu, kungaphela kuthi nya!