‘Alele ubuthongo amapolisa eli phondo’

Amapolisa aseMpuma Koloni ayasilela ukusabela umkhwazo kazwelonke wokukhusela izikolo ngokuthi zinxibelelane lula nezikhululo zamapolisa kwindawo ezikuzo.

Oku kuvele ngethuba izikhulu zamapolisa aphuma kumaphondo onke eli zinikisa ngengxelo yazo kwikomiti ejongene nezemfundo yabasaqalayo kuzwelonke ePalamente eKapa.

Ingxelo ithi izikhululo zamapolisa ziphucula umgangatho wentsebenziswano nezikolo ukuqinisa ukhuseleko ezikolweni ngokuvula inombolo zomnxeba ezizodwa nokuhanjelwa kwezikolo rhoqo zinqwelo zamapolisa.

Othethe egameni legqiza lamapolisa ebelisenza le ngxelo kuzwelonke uMajor General Maropeng Mamotheti, uthi iMpuma Koloni ayikhange ibenangxelo icacileyo ngalo mcimbi.

“Amapolisa aseMpuma Koloni ngawo kuphela angekaqalisi ukwenza le nkqubo, kodwa sithumele igqiza lethu ukuba liye kusabela ukuba kwenzeka ntoni kwela phondo,” uthethe watsho uMamotheti.

Ukukhuselwa kwezikolo ngamapolisa kuza emva kokuba kuye kwakhula iziganeko zobundlobongela ezikolweni eMzantsi Afrika, ekuquka amaqela emiguvela, ukuthengiswa kweziyobisi nokuphathwa kwezixhobo ezibukhali ngabafundi.

Le ngxelo ithi amapolisa eMpuma Koloni atyumbe izikolo ezithathu kuphela ekumele ukuba zinikwe olu khuseleko.

“Iphondo laseKZN nephondo laseMntla Ntshona sele eqinisekise ukuba aqalile ukwenza lo msebenzi, ngoku balindele ingxelo echaza indlela abaza kusebenza ngayo kuquka nobalo lwezikolo.”

Olilungu lale komiti egameni leDA uIan Ollis, uthi alele ubuthongo amapolisa aseMpuma Koloni.

“Kwenzeka ntoni kumapolisa aseMpuma Koloni, akhangeleka elele ubuthongo, ikhona ingxaki khaniqhube uphando ngeMpuma Koloni,” uthethe watsho uOllis.

UMamothethi uthi kukho imfuneko yentsebenziswano enzulu phakathi kwamapolisa, ootitshala, abazali kunye nabafundi ukulwa ulwaphulo-mthetho oluchaphazela izikolo.

“Kufuneka sifumane inkxaso yamanye amasebe karhulumente ukuqinisa ukhuselo ezikolweni, kulo nyaka-mali ka2016 no2017 sivale indawo ebezithengisa utywala ezilishumi elinesihlanu lamawaka kufutshane nezikolo,” ucacise watsho uMamothethi.

Ngamashumi amabini anesithathu amawaka ezikolo kuzwelonke esele ziqalisile nale nkqubo yokukhuselwa kwezikolo ngentsebenziswano namapolisa. Le ngxelo ithi oku kubeka kumashumi alithoba anesibini eepesenti ekhulwini inani lezikolo ezikhuselwa ngamapolisa oMzantsi Afrika.

Ikomkhulu lamapolisa eMpuma Koloni eZwelitsha alifumanekanga ukunika iimpendulo malunga nezi zityholo zokulala ubuthongo logama izikolo zingakhuselekanga.

Ingingqi yaseNelson Mandela Bay yenye yezo zigagene neziganeko zolwaphulo-mthetho ezikolweni ukusukela ngonyaka ka2015.