Alihambi, liyatshintsha

Alitshoni lingenandaba, xeshikweni silungiselela ukushicilela iphepha lethu lokugqibela lemihla ngemihla kungena iindaba zokuba ivenkile yakuthi phaya eThafalofefe itshe yaphela tu.

Phaya ngoo1970 umalume uJoy Ngxenge wazivulela ivenkilana eThafalofefe, koka-1983 wayandisa wayithiya ngegama lenkosikazi yakhe, uNosita. Ibigqiba iminyaka engamashumi amathathu anesithathu kulo nyaka. Izolo sivuswa ziindaba zokuba itshile. Uphando lusaqhuba.

Ndithe makhe ndivule esi sibhalo sanamhlanje ngezi ndaba ngoba la venkile ndingatsho ukuba yiyo eyandifundisa ukusebenzisana nabantu, ukufunda ukusasaza iindaba nokushishina ngokubanzi. Ndisemncinci sasiye siyokuhlala phaya eThafalofefe sithengisele abantu bakuthi, sibafundele neeleta zabo abo babengakwazi ukufunda. Kukwaphaya apho umntu wayeye afumane ithuba lokuphulaphula isiXhosa kunye namabali embali yakwaNtu.

Ndingatsho ndithi ukuba yayingekho la venkile mhlawumbi ngelingekho eli phepha uliphethe ezandleni zakho namhlanje.

Kubuhlungu ke ukuva ukuba kanye kanye ngale veki senza utshintsho kweli phepha ikwa- yiveki apho kutshe le venkile. Iindaba ezimbi ziyathanda ukukhaphana nokuqokelelana, zize sele zisisithonga.

Ukusukela kule veki izayo, iphepha lethu lizakuphuma kanye ngeveki, ngooLwesine. Kwiphepha lesine nelesihlanu kweli lanamhlanje uyakufumana ithuba lokufunda izimvo zeqela lethu.

Mandithathe eli thuba ndibulele wonke umntu othe walixhasa eli phepha lemihla ngemihla. Siyathemba ukuba xa liphuma kanye ngeveki uyakuqhuba ulixhasa ukuze lo mxholo wethu wokwandisa isiXhosa ungapheleli emoyeni.

Sikwathemba ukuba namanye amaphepha abhala ngesiXhosa akuqhuba apha ephondweni kwaye nentsebenziswano sakuyizama nawo. Sikule nto sonke. SisiXhosa sethu esi. Likamva lethu eli. Akhomntu uzakulungiselela umXhosa iingxaki zakhe ngaphandle komXhosa.

Sakubuya ngoLwesine, umhla we 4 kweyeThupha!

Previous article‘Amandla ePAC akumasebe’
Next articleAkuvoti eKeilands
SHARE