Alikalahli themba usapho lukaNandipha

USodolophu waseMnquma uThobeka Bikitsha ethuthuzela uThamsanqa Mtuzula onguyise kaNandipha odukileyo

Nangona
sele kuphele iiveki ezintathu umfundi wesikolo samabanga aphakamileyo iCunningham
Senior Secondary eTholeni, eGcuwa, uNandipha Mtuzula (20) elahlekile,  kodwa usapho lwakhe luthi lusenethemba lokuba
umntwana walo uzakubuya esaphila.

UNandipha
ulahleke ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga ephelileyo ngexesha esiya
esikolweni, apho angazange aphinde abuyele ekhayeni njengesiqhelo.

Utata
wakhe uThamsanqa Mtuzula, uthi nangona sele kudlule iiveki ezibalekayo umntwana
wabo engabuyi, kodwa usenethamba lokuba ngenye imini uzakubuya.

“Njengokuba
umntana wam ndingamazi nokuba ukweliphi icala, ndinethemba lokuba uzakubuya
ngenye imini kwaye esaphila.”

Ebethetha
ngoLwesine ngexesha uSodolophu womasipala waseMnquma, uThobeka Bikitsha
etyelele kweli khaya ngenjongo zokuthuthuzela usapho lakwaMtuzula kule ntlungu
likuyo.

Uthi
unobangela wokuba abenethemba kungokuba emva kweentsuku ezintlanu uNandipha
walahlekayo, bamfowunela kwimfono-mfono yakhe ephathwayo, yaphendulwa ngumfana
owathi usaphumile uNandipha.

Kodwa
emveni kokuba kwadlula ixesha baphinda bamfowunela imfono-mfono yakhe yakhala
yodwa, emva kweentsuku ezimbini bafowuna kwakhona, yabe ifowuni yakhe ivaliwe.

“Into
endinika ithemba nangona ifowuni yomntwana wam ivaliwe, kuthiwa ukhe wabonwa
kwenye yezi lali zalapha eTholeni,” uqhube watsho utata kaNandipha.

Amapolisa
aseGcuwa athi alandela ekhondweni lalo mntu uthi ukhe wambon, kwaye asaphanda
nzulu ezama ukujonga nemfono-mfono lena yakhe ukuba indawoni ngoku, esebenzisa
ubuchwephesha bale mihla.

Isithethi
samapolisa aseGcuwa uCaptain Jackson Manatha, ethetha kweli khaya, uthe
beyinkonzo yesipolisa balandelela le mfono-mfono  yale ntwazana bejonga ukuba abanakufumana
mkhondo ngayo kwisini na.

Emveni
kokuba elahlekile uNandipha, inkonzo yesipolisa yazama ukumkhangela ngezinja
zayo ezijojisayo, kodwa zabuya nelize kwihlathi elikufutshane nesikolo iCunningham
Senior Secondary School nelidume ngeziganeko
zokubulawa kwabantu kulo kunye nokudlwengulwa kwabo.

UNandipha
kuthiwa ibengenguye la mntu ebegqiba iveki engakhange abonakale kokwabo nangona
ebegxamesa kumzi ongasesikolweni, kodwa ebebuya ngempelaveki azokubona umntwana
wakhe oneminyaka emibini.

Usodolophu
womasipala waseMnquma uThobeka Bikitsha, uthi bazakuthi gqolo ukutyelela eli khaya
kude kubekho into ecacayo kwaye bangxunguphele nabo ngokulahleka kwale ntwazana
ibisenza ibanga leshumi.

“Sibuhlungu
yile meko yekhaya lakwaMtuzula, kwaye sizakuthi gqolo ukulinika inkxaso  kude kubekho into ecacayo ngoNandipha,”
utshilo uBikitsha.

Iziganeko
zokuphathwa gadalala kwabasetyhini bedlwengulwa abanye bebulawa yinto eyenzeka
phantse rhoqo ngekaCanzibe neyeSilimela  kwindawo yaseTholeni  ngokutsho kuka tata kaNandipha.

Ngexesha
kuyokushicilelwa eli nqaku uNandipha ebengekafumaneki.