Lisebe lentlalontle eMpuma Koloni elibangela ukuxhatshazwa kwendoda ehlala ecaleni kolwandle eQuigney.
Le ndoda, enguMlindeni Kwakwini wase Litha, nesele igqibe iminyaka emine ihlala ecaleni kolwandle igula sisifo sentliziyo nanjengoko isebenzisa intliziyo efakelweyo, ikwanaso nesifo seswekile esikwiqondo eliphezulu.
“Ndihlala apha kuba andina ndawo. Imali yam yamnkelwa ngumntakwethu. Kudala ndicela isebe lentlalontle ukuba liqwalasele lo mcimbi, abayenzi lo nto oonontlalontle endihamba kubo apha eMonti,” ucacise watsho uKwakwini.
UKwakwini sele egqibe iinyanga ezintathu engayi kuhlolo leswekile kuba akanayo imali yokukhwela aye esibhedlele.
“Ndisuswe umlenze ngenxa yeswekile. Ndimele ukuba ndibonana nogqirha rhoqo ngenyanga. Andinayo imali! Le ndoda itya imali yam nabantwana bayo nenkosikazi yayo mna ndiyasokola,” uthethe watsho uKwakwini.
Uthi abavani nomntakwabo kuba uyambetha yiyo lo nto ebangela ukuba angavumi ukuhlala nomntakwabo.
Othethe egameni leArhente (SASSA), ejongene nokugqithiswa kwezibonelelo ezifana neso sifunyanwa nguMlindeni Kwakwini, uNeziswa Dwanya uthi asiloxanduva labo ukuthatha isibonelelo komnye umntu sinikwe omnye.
“Thina singuSASSA sifumana ingxelo kwisebe lentlalontle isixelela ukuba le mali ibikade ifunyanwa ngulo mntu mayinikwe omnye. Senze lo nto thina kuphela,” utsho uDwanya.
Ukanti unontlalontle ongavumanga negama lakhe ngalo mcimbi uthi kunzima ukuncedisa kwingxaki kaMlindeni Kwakwini.
“Lo mntu akathobeli nto ithethwa kuye. Uthetha kuthethwa. Kudala sizama ukumdibanisa nomntakwabo lo athi utya imali yakhe, sikhangela isisombululo kule ngxaki yabo,” uthethe watsho unontlalontle.
Lo ka Kwakwini uthi wenziwa uqhaqho-fakelo ntliziyo ngonyaka ka-1973 emva kokuba wathi wazalwa enengxaki yentliziyo.
“Ndiphila ngombhobho oncedisa ukuphefumla kwam kuba andinayo intliziyo ndafakwa ikhonkco elenza umsebenzi wentliziyo,” utsho uKwakwini.
Ukanti uWandile Kwakwini, owamnkela imali kaMlindeni, uthi aziyonyani iingxelo zokuba utya imali yale ndoda.
“Ngumninawa wam lo wahamba apha endlini wayokuhlala esitratweni ngenxa yokuba akamameli, akafuni kulawulwa, uthanda utywala neziyobisi, asizange sivane ngalo nto,” utsho uWandile Kwakwini.
UWandile uthi ufuna imali yakhe ukuze akwazi ukuzithengela indawo yokuhlala kunye nempahla zokunxiba.
“Imali yakhe le ndiyamnkelayo ndiyayigcina kuba ndiyabona ukuba ingakho ingxaki apha kuye ngenye imini, ndimbekela nemali enokujongana nomngcwabo wakhe, kuba ndamncama kweli lokuba eze kuhlala endlini,” uthethe oko uWandile Kwakwini.
Uthi xa ekhona ekhayeni ukwamthengela amanapkeni, impahla zokunxiba, nokutya ngemali yenkam-nkam yakhe.
Othethe egameni lesebe lentlalontle eMpuma Koloni uMzukisi Solani uthembise ukwenza uphando ngale meko ukuze kuthathwe amanyathelo.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo