Alikho ixesha lokubhiyoza

Kwimfazwe alikho ixesha lokonwaba. Ungathi usilwa ube uthatha ikhefu usima usithi namhlanje ndizakuqaphela usuku lwama-Afrika, ngemini ethile ndizakuqaphela inkcubeko yam, njalo-njalo?

Alikho ixesha lokwenza ezizinto ngoba enyanisweni sikwimfazwe yokuguqula isimo sentlalo yabemi beli.

Uninzi lwabantu abantsundu basahlupheka kweli loMzantsi Afrika; ezoqoqosho kunye nomhlaba azikasondeli kubo. Naxa kuthe kwakho iqiqobana labantsundu abathe baphumelela kwezoqoqosho uye ufumanise ukuba loo mali iya kwizinxibo zasemzini, ukuqhuba iimoto zaseNtshona kwanokwakha amapomakazi ezindlu. Maxa wambi loo mapomakazi akhiwa phakathi kwemizi yabanye abantu abahluphekayo. Loo minyobo yemigrugra yezigidi iqhutywa kwizitalato abakhulela kuzo ngelithi ‘ndijongeni ndiphumelele!’

Ingaba yinkuthazo na le? Xa ubona umntu ontsundu ephila ubomi obungcono uye ukhuthazeke ukuba nawe zama ngakumbi ebomini?

Umcimbi ka ‘ekunyamezeleni kukho umvuso’ awahambi njalo; baninzi abantu abazalwa behlupheka bayokufa behlupheka. Nabo bebenyamezele.

Mhlawumbi kuba lula ukuthi isizathu sokungaphumeleli kwabanye bubuvila babo, ukonqena kwabo, ukungavuki bazenzele. Ingakumbi eMzantsi Afrika. Kufuneka sikhumbule mhlophe ukuba xa sisilwa imfazwe yobulingani eminye imikhosi yaxhotyiswa ngurhulumente wexesha layo. Mayiphele ingcingane yokuthi uhlanga oluthile lusebenze nzima, akunjalo.

Lwalungiselelwa ngurhulumente wexesha lalo kwaqinisekiswa ukuba imfundo, ezoqoqosho kunye nomhlaba zisezandleni zalo. Xa unazo zonke ezozinto kubalula ukuzithemba nokujongela phantsi abanye abantu. Izolo siqaphele usuku lweAfrika Day, zininzi nezinye iintsuku ezizayo esakuthi sikhumbula inkcubeko yethu. Sizuza ntoni ngezizikhumbuzo? Makhe sizibekele bucala ezintsuku, siqale ngomxholo kamakulinganwe.