Alipheli mandla igqwetha likaOmotoso

Timothy Omotoso

IsENGAMAHLA ndenyuka alipheli mandla igqwetha loMprofeti otyholwa ngokudlwengula nokuxhwila amantombazana ebandla lakhe.

Igqwetha elimele uMprofeti wodumo uTimothy Omotoso kunye namangalelwe nabo uLusanda Solani noZukiswa Sitho, lithi baza kubhenela kwiNkundla yoMgaqosiseko ukulwisana nokukhatywa kwesicelo sabo yijaji eyongamele ityala labo * -Irma Schoeman.

Eli gqwetha uPeter Dauberman ukubhengeze oku ngethuba ebemele aba bamangalelwa kwiNkundla ePhakamileyo yaseBhayi ngoMvulo.

Esi sithathu senza isicelo kule nkundla, sicela ukuba amatyala abatshutshiswa ngawo angaxoxwa kwiinkundla zaseBhayi kuphela, koko bajikeleziswe kuzo zonke iinkundla zeendawo ekutyholwa ukuba zenzeka kuzo ezi ziganeko zokudlwengulwa nokuxhwilwa kwala mantombazana.

Lo kaOmotoso utyholwa ngokuba wahambela kwiindawo ezifana noomaDurban, Nigeria, kwaSirayeli nakwezinye – ehamba nenkumbula yamantombazana apho atyholwa ngokuba wabenzisa amanyala namasikizi ewadlwengula.

Angamashumi alithoba anesixhenxe amatyala ajongene nawo lo kaOmotoso.

Ngethuba kwakuhleli le nkundla kwiinyanga ezimbini ezidluleyo, lo mmeli waxoxa kom’amathe esithi inkundla yaseBhayi ayinamagunya namandla okuxoxisa le nkokheli ngala matyala, watsho esenza isicelo sokuba ikhe ithi gu kungenjalo kungathethwa ngamatyala akwezinye iindawo, kodwa uSchoeman wala ukuba amatyala enzeka kwamanye amazwe akhutshwe kungathethwa ngawo, esithi alunge kanye ukuba axoxwe apha kule Nkundla iPhakamileyo yaseBhayi.

Kukwavakele kule nkundla ukuba inkundla yezicelo nengasentla kule iye yasikhaba nayo esi sicelo sokuba kukhe kumiwe kancinane ukuthethwa kwetyala de benze isicelo kwinkundla yezicelo ukulwa isigwebo sejaji.

Kuvakele ukuba sikhatywe yile nkundla ngesizathu sokuba siyinkcithaxesha engasi ndawo, ngokwengxelo ebifundwa kule nkundla.

“Andizifuni kuzibophelela mhlonitshwa, kodwa lo mbandela uza kuthatha malunga neeveki ezimbini kungenjalo inyanga ukuthethisana neNkundla yoMgaqosiseko,” utshilo uDauberman.

Amahla ndenyuka etyala likaOmotoso asaqhuba nasemva kokuhla kwejaji uMandela Makaula esitulweni seejaji kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo.

UJaji Schoeman ulirhoxisele umhla wamashumi amabini ananye kwinyanga yeNkanga eli tyala.