Alityhilwanga ilitye likaNgubengcuka

Iinkosi zesizwe sabaThembu ngokubanzi zibambe indibano ngelizama ukuvumelana ngeyona
ndlela inesidima elinokutyhilwa ngayo ilitye leKumkani yesasizwe uNgubengcuka. 

Oku
kusemva kokuba ilitye lesikhumbuzo sikaNgubengcuka sathi sakhiwa eClarkbury
eNgcobo ngoncedo lenkonzo yamaWesile oMzantsi Afrika, umasipala wesithili saseChris Hani kwanesizwe sabaThembu. 

Othethe egameni lela komkhulu uNkosi
Lindikhaya Mtirara uthi bebenezicwangciso kulenyanga yoMsintsi ngelil itye. “Besinesigqibo
sokuba eli litye lityhilwe ngomhla wamashumi amabini anesithathu kule yoMsintsi.

 Intlanganiso
le ibizwe ngenxa yokuba abaThembu bagqibe kwelokuba kuxoxwe ngendlela
elizakutyhilwa ngayo elilitye ngokusesidimeni esifanele uNgubengcuka. 

“Baninzi
abantu nezizwe ezinqwenela ukuba yinxalenye yokutyhilwa kwelitye likaNgubengcuka, ngoko sinqwenela ukwenza amalungiselelo abanzi azakunika wonke
umntu ithuba,” utsho uMtirara. 

Ingxelo ithi uNkosi Bhekisizwe Mtirara ubenikwe ixanduva lokujikeleza kumakomkhulu awohlukileyo wabaThembu ecacisela iinkosi
zabaThembu malunga nombono wokuba kwenziwe amangiselelo abanzi okutyhila
ilitye lika Ngubengcuka. Le Kumkani yiyo eya zala isizwe sabaThembu nokuzala
inkulu uDalindyebo osaphethe njengendlu enkulu yelakhaya.