‘Alizanga natshintsho igazi laseMarikana’

Akukabikho tshintsho lweenkonzo ezingcono nanamhlanje kumatyotyombe aseNkanini eMarikana eMntla Ntshona, apho kwadutyulwa kwabulawa abasebenzimgodini ngo2012.

Oku kuvele kumhlali waseMarikana olilungu lePalamente eKapa kumbutho weEFF uPrimrose Sonti ngethuba kudlala umboniso bhanyabhanya waseMarikana uStrike A Rock kwiziko lembali (museum) eMonti.

Lo mboniso umalunga nentlalo yaseMarikana eyagqama emva kokudutyulwa kwabasebenzi abangamashumi amathathu anesine bomgodi iLonmin, abaqhankqalazela imivuzo.

USonti ekunye nogxa wakhe uThumeka Magwangqana baye basungula umbutho wamanina emva kwesiganeko esi obizwa ngokuba yiSikhala Sonke.

UMagwangqana uthi uyachaphazeleka yintlungu yaseMarikana kuba intwazana yakhe ingumsebenzi khona. USonti yena waphulukana nogxa wakhe edutyulwa ngamapolisa ejongile kweso siganeko.

USonti uthi bakhutswa zizithonga zeembumbulu phandle kanti kungethuba kudutyulwa abasebenzi.

UMagwangqana uthi eyona nto yabasusa ekubeni benze lo mboniso yayizinzame zokwenza ingxolo bavakale bengamanina. Sikwafuna ukubonisa ukuba umanyano lubaluleke kanjani phakathi koomama.

“Sabona ukuba oomama balibalekile. Oku sakuqaphela ngoqhankqalazo olwalusenzeka ukuba silibalekile singoomama, zange kubekho nto ethethisa ngathi kodwa yayisithi ababehamba bekhangela abasebenzi abangabonakaliyo kwindawo yaseMarikana,” kutsho uMagwangqana.

“Okunye okusenze ukuba sipheke lo mboniso kukwangenxa yemeko yokuhlala kwethu eMarikana njengoko kungekabikho tshintsho. Sifuna babone abantu ukuba siphila phantsi kwemeko esenjeya nanamhlanje, akukabikho tshintsho olufana nezindlu, sisahlala kumatyotyombe,” utshilo uMagwangqana.

Lo mcimbi ubuseMonti ubuququzelelwe ngumbutho iMasimanyane Women’s Support Centre yaseMonti.