Alizokuvulwa ityala lusapho lomntwana obebethwe wabokoboko ekhutshwa amadimoni eTsomo!

U-Unathi Jonas (13) olixhoba lokubethwa ngoomama ababini bebandla iLove of God eTsomo besithi bamkhupha amafufunyanaUMFANEKISO: UTHUNYELWE

Usapho lakwaZwakala, kwaDasa, eTsomo, kuvakala ukuba ityala lokubethwa kwentwazana yabo ibe bokoboko kwiveki ephelileyo ngoomama ababini kwinkonzo yosindiso iLove of God, kuba besithi bayikhupha amadimoni, alidanga lalivula emapoliseni nangona nje lalithembise ngokwenza njalo ngethuba likumagumbi eSolezwe lesiXhosa lizokubalisa ibali lentwazana yabo.

Ngokwengxelo ephuma kwilungu losapho elingafunanga kuchazwa ngagama, lidize ukuba emva kwendibano eyayibanjiwe lusapho kwakunye noPastor Phila Ndabula webandla kwiveki ephelileyo ngoLwesithathu, bagqiba ukuba lithethwe isikhaya ityala. Bathi makungayiwa emapoliseni koko kuxolelwane lusapho kwanoomama ababini ababetha uUnathi Jonas (13) wabokoboko. Lithi isivumelwano sesokuba amaxhoba anyangise umntwana de aphile. UGcotyelwa Zwakala umama womntwana akawubambanga umnxeba wakhe, akabuyelanga nakwimiyalezo yethu ukuva kuye ngesi sivumelwano.

Ukanti uluntu loMzantsi Afrika olukuFacebook luye lahlokoma lakubona uJonas enjeya ebusweni kuba kusithiwa kukhutshwa amadimoni kuye. Kambe abanye bacaphukiswe ngabamama besithi mababanjwe babhadlele ejele logama igcuntswana lugxeke umntwana:

Zanele Zaza: Bafanelwe kukuvalelwa abo bafazi bamhlukumezisa kakhulu umntwana, yaye soze aphinde akwazi ukujongana neencwadi zakhe. Bafanele ukubolela ejele!

Nompucuko Zakaza: Babambe sana lwam! Itheni na iTsomo bethunana idolophu yethu! Lihlazo lani eli? Kungamazulu adlala ezinkonzweni, kuya le yintakatho le!! Egameni LoYise neloNyana neloMoya oyiNgcwele….ndiqinisekile bebesitsho ngoku baxusha lo mntwana! Bebesemoyeni my foot! besenza inkohlakalo enje!!

Entle Wakhe: Hay maan! amademoni xa kuthandazwa mosi ayathetha aphume kungekho nto ibethisayo, ngoku lo ubetha omnye yena uzokuqhuba inkonzo nokuba uzokuqeqesha abantu, ayongqeqesho le kukugeza, kutheni na abantu benza izimbo kangaka kulo nyaka? Hayi maan! kubi emhlabeni ngoku, nakumabonakude sibukeliswa ooNkunzi abatshisa abantu.

Zukiswa Vayisi: Kaloku thina bantu bamnyama sabazizibhanxa salandela iinkolo zaphesheya ngoku zisishintsha nemvelapi zethu asisazazi nokuba singobani, kudala kwakunabaprofeti bakwaNtu besenza izinto zibonakale bengabethi bantu, bethetha izinto zenzeke, ngoku abeenwele eziyephu-yephu bazotshintsha besiqhatha nangeBhayibhile zabo ezithetha ngabo bona. Kutheni nkungezi la nkolo, ngoku asisenzi namasiko sesingabazalwane sinxiba iisuti siyokushunyayezwa ngesiLungu, makhe sibuyeleni emva ma-Afrika sibamnyama thina eAfrika, hayi oongca, oonyoka namagundwane needooom – masibuyeleni kwinkolo zethu!

Vovo Mimi-Nana Butwana: YHOO! bekudlalwa iBoxing sana…andisoyiki bawo kwezivnkonzo kwehleni na. Ukuba awuseliswanga petroli yidettol, ukuba ayodettol yinyoka, ukuba ayonyoka utyiswa ingca, xa ingayongca uyandindwa ngamanqindi, hayi ndigrendi ngezi nkonzo zomoya.

Tabisa Maqenukana: Yhooo! hayi kaloku kuthwa masiyicikideni nemimoya le, abona bantu baneedimoni zikaSathana ngaba bonzakalise lo mntwana, mama wakwaZwakala lilungelo lakho nomntwana uyokubabambisa xa enje umntwana ngathi ebebethwa esimokolweni hayi deda Sathana. Sasikhule ekhutshwa amadimoni naseZion kodwa zange kwabethwa umntu wanje woooow! abamavukengceni beecawe, kunzima Bawo thethelela.

Xolisile Xcellent Mawawa Bebula: Akukhonto idlula ukubambisa lo Pastor kuqala okanye elo bandla lihluthelwe iincwadi zalo ngenxa yokungabi nankathalo nokucekisa phantsi inkolo yobuKrestu, abo mama yijele qha ke kubo & bantu bakuthi fundani ibhayibhile kuba iyazinxwema ezi zinto, ilumkisile ngazo `Bahluleni oomoya kuba ayingobakaThixo bonke’.

Wendy Du Toit Linda Mlindo’s: Ndancedwa kumticela ebusweni, igosa ndalikhaba phakathi kwemilenze kucaca ukuba ngendabanje. Akudlalwa pha.

Ayabonga Siya Mnqabashe: Hayi mna ndithi lo mntu ikhona ingxaki anayo uyathakatha kwaye unoohili, yiyo lo nto abethwayo.