Akukho
futhe lingako liboniweyo kwenye yeedolophu ebezichazwe ukuba zizakuba
noqhankqalazo lombutho wabasebenzi iSouth African Federation of Trade Union (SAFTU) eKomani.
Lo mbutho uqhuba uqhankqalazo kuzwelonke ngelibonakalisa ukuchasa
kwabo umrholo weeranti ezingamashumi amabini ngeyure, kwane nguqu ezicetywayo
kumthetho wezabasebenzi iLabour Relations Act. Othethe egameni leBorder Kei Chamber of Commerce eKomani, uAdri Burtis, uthi akukho luphazamiseko lungako
kushishino. “Okwa ngoku ushishino nayo yonke intlalo yezoshishino iqhuba
ngaphandle kwengxaki apha eKomani, asinangxaki, ivenkile zivulile namanye
amashishini amancinci, namakhulu aqhuba ngaphandle kwengxaki,” utshilo
uBurtis.
Ngokwengxelo ebikhutshwe yiSAFTU amalungu abo bekulindeleke ukuba
aqhube uqhankqalazo olujoliswe kwi ofisi zesebe lezabasebenzi eKomani.
Isithethi
somasipala wesithili saseChris Hani uThobeka Mqamelo ungqinile ukuba akukho
kuphazamiseka kweenkonzo, ushishino, izikolo nezinye inkqubo zentlalo. “Ngaphandle
kokuba imeko ingatshintsha emvakwemini, okwangoku akukho nenye ingxaki esikhe
sayifumana, abasebenzi bakwamasipala bakhona emsebenzi, nakwekumanye amasebe namashishini
abucala siyabona ukuba umsebenzi uyaqhubeka,” utshilo uMqamelo.
Ingxelo yeSAFTU idize
ukuba ziidolophu eziquka iKomani, Bhayi neMonti abazakugxila kuzo kolu qhankqalazo eMpuma Koloni. Unobhala
jikelele weSAFTU uZwelinzima Vavi ugrogrise ngelithi uzakuma ngxi uMzantsi Afrika
ngolusuku. Ethetha namajelo eendaba egameni leSAFTU, uPatrick Craven, uthembise abasebenzi
ukuba bakhuselekile ngokuthatha inxaxheba kolu qhankqalazo. “Singatsho singathandabuzi
ukuba abasebenzi bakhuselekile kolu qhankqalazo ngokwesolotya lamashumi asixhenxe
anesixhenxe lomgaqosiseko,” ucacise watsho uCraven.
Umbutho wabasebenzi besinyithi iNational Union of Metal Workers Union of South Africa (NUMSA) ngomnye wemibutho ephambili kolu qhankqalazo, iinkampani ezifana neMercedes Benz eMonti neVolkwagen eBhayi zinabasebenzi abangamalungu alo mbutho.
EMonti akukho
ziganeko zingako ezibonakeleyo ezimayela nolu qhankqalazo leSAFTU. “Kungenzeka ke
ukuba izinto zingatshintsha emva kwemini, xa besendleleni eya kwisebe lezabasebenzi,
okanye xa bebuya apho,” utshilo uBurtis.
UNasreddine Nabi uthi uyayazi into efunwa ngabalandeli beKaizer Chiefs!