Ama-Afrika awakakhululeki ezingqondweni

Ndibhala eli binza ndihleli nosapho, izalamane nezihlobo kwinqugwala lakowethu kule lali yaseKhubusi.

Ikhephu lithe rhwelele kuhle kwezi ntaba zaMathole, phezu kwaloo mahlathikazi endalo eXholorha neGwiligwili.

Ngenxa yale ngqele iqhaqhazelisa amazinyo, sithe thande sibukele umabonakude kubushushu obuncumisayo bembawula.

Amehlo athe ntsho kumabonakude kuba kubukelwe imidlalo yesoka enika umdla kukhuphiswano lweNdebe yeHlabathi esingathelwe kwilizwe laseRashiya.

Kuseluyolo kusenjalo, ayivuthele usompempe impempe yakowabo kwaba kukuphela komdlalo phakathi kweSenegal neColombia.

Uphela umdlalo kubethwa iSenegal ngenqaku elinye eqandeni, ngolo hlobo ke abe atshabalele amaphupha eAfrika.

Oku kutshabalala kwamaphupha eAfrika kuviwe nguye wonke obebukele apho kowethu, kuba kaloku sithe sisiya kulo mdlalo weSenegal neColombia, yabe iSenegal ikuphela kweqela laseAfrika elisaseleyo kolo khuphiswano lweNdebe yeHlabathi eRashiya.

Phambi kwalo mdlalo, amanye amaqela aseAfrika afana neMorocco; Tunisia; Egypt neNigeria, ebesele ezihlambile iijezi, sele ethathwe naziinqwelomoya aphindela emakhaya.

Ngenxa yoku ke, ithemba layo yonke iAfrika, belibekwe phezu kwala makhwenkwe aseSenegal, naziwa njengeengonyama zaseTaranga.

Ngelishwa ke, nawo awalidanisanga ihlabathi, kuba aye abethwa akhutshwa kolo khuphiswano.

Iinyembezi nokudandatheka kweentliziyo kusele kumaAfrika kuphela, kuba ezo ziphumo ziphinde zachaza ukuba izwekazi leAfrika alinalo kwakhona iqela eliza kudlulela kumjikelo olandelayo kolu khuphiswano lweNdebe yeBhola ekhatywayo kwihlabathi jikelele.

Kaloku iqela lokugqibela ukuya kufikelela kwisigaba samaqela okugqibela asibhozo liqela laseGhana kumnyaka ka2010 apha kowethu eMzantsi Afrika. Abafana booGyan; Boateng; Mensah; Muntari; Pantsil nabanye babelapho.

Phambi kwale mbali yenziwe yiGhana, mabini kuphela amanye amaqela aseAfrika awakhe aya kufikelela kwelo nqanaba lamaqela asibhozo okugqibela kolu khuphiswano. Loo maqela yiCameroon ngomnyaka ka1990, qela elo lalidlalelwa ngamatshantliziyo afana noRoger Milla; Tataw; Makanaky; Kana-Biyik; Omam-Biyik nabanye.

Emva kwelo qela; kwa aba bafana baseSenegal bathi beqala ukungena kukhuphiswano lweNdebe yeHlabathi yeBhola ekhatywayo ngomnyaka ka2002, baya kufikelela kweli nqanaba lamaqela asibhozo okugqibela.

Masiwabulele amatshantliziyo eAfrika awayedlala kwelo qela afana nooDiouf; Cissokho; Camara; Diawara; Bouba Diop nabanye. Kunanamhla, thina bathandi nabalandeli bebhola ekhatywayo eAfrika, sithi xa sithetha ngawona maqela akhe azama ukusimela njengezwekazi, aze enza imbali nokuba ayibalaselanga kuya phi, sicinge ngala maqela mathathu kwaye nasezingqondweni zethu, kuzinge imifanekiso yawo.

Mzi kaNtu, mathole namathokazi eAfrika, ndinovakalelo lokuba abadlali beAfrika babethwa yinto nje encinci, ukuzithemba.

Oku kuzithemba kuhambelana nokunika amazwe asuka kumanye amazwekazi intlonipho egqithisileyo, phofu wona loo mazwe engenalo nelincinane ixesha lokuhlonipha nokufekethisa amazwe ethu kweli leAfrika.

Umbuzo endiwubuze kuloo ndlu yakowethu ibizele ngabalandeli ababesele beenyembezana, bambi bengafuni kwanto yokutya okanye yokusela ngenxa yomsindo nokudana, ngulo: “Ingaba yintoni isizekabani sokungaqhubi kakuhle kweAfrika kukhuphiswano lweNdebe yeHlabathi kwiBhola ekhatywayo?” Izimvo zithontelene, kusalathwa iimbangi ezifana nokusilela kwezixhobo ezizizo eAfrika; ukuqeqeshwa kwamazwe aseAfrika ngabaqeqeshi abasuka kumanye amazwe; ukuba nebhodi yebhola ekhatywayo yezwekazi engenamqolo, enobunkokheli obungazinzanga nesigqeba esilawulwa ngamamenemene angoongxowankulu.

Phakathi kwezi zizathu, esona siye sagqama sesokuba oku kungaqhubi kakuhle kwamaAfrika kolu khuphiswano lwebhola ekhatywayo, kangangokuba kude kube namhlanje kungazange kubekho qela laseAfrika lifikelela kwinqanaba lamaqela amane okugqibela, nadlala phambi kwalawo aza kuya kumagqibela kankqoyi, kukuba amaAfrika ngokubanzi, kuquka nabadlali bebhola ekhatywayo, asathwaxwa kukungakhululeki ezingqondweni.

Iingqondo zamaAfrika zisakhonkxwe bubukhoboka bokuba zizicaka phantsi kwenkqubo yobukoloniyali.

AmaAfrika athi nangoku sele enalo ithuba lokuveza ubungangamsha beAfrika nakwezemidlalo, asuke azidele, azibone ebuthathaka, anike imbeko kumanye amazwe ngelithi loo mazwe anelungelo lokuxatyiswa nokuhlonitshwa.

Konke oku kwenziwa ngamaAfrika azibona engenalo wona ilungelo lokongamela amazwe asemzini, mazwe lawo uninzi lwawo ayeyilawula, eyitshutshisa, eyidlakaza iAfrika phantsi kwenkqubo yobukoloniyali.

Iyakuthi ukuze iAfrika itshatshele kule Ndebe yeBhola ekhatywayo kwiHlabathi jikelele, ikhuphe ubukoloniyali ezingqondweni, izibone ixabisekile, ibalulekile kwaye inalo ilungelo lokuwoyisa amazwe asemzini, ewoyisa kwimidlalo, emculweni, kwezeembaleki; nkqu nakwezinye iinkalo zobomi.

Afrika! Khupha ubukoloniyali ezingqondweni; zingce kwaye uzihloniphe wena njengezwekazi ngaphezu kokuhlonipha amanye amazwe asemzini!