Ama-Afrika Poqo asebenzise izigalo ekhupha abe-ANC

Aphume ebaleka amalungu ombutho weANC phakathi kwamasango esakhiwo seholo yoluntu iHoza kwilokishi yaseNew Brighton eBhayi emva kokukhutshelwa ngaphandle eleqwa ngamalungu ePAC.

IPAC ibibambe le ntlanganiso ngeenjongo zokuchaza izibhambathiso zayo zonyulo nokwazisa ngalowo uzakuba ngomgqatswa wesikhundla sikasodolophu kumasipala waseNelson Mandela Bay uKholi Maqethuka.

Amalungu ePAC ebetyhola amalungu eANC ngokuwaphazamisa ngethuba ebezalise le ndawo esithi mawaphume aphele apho kuba ngabo abaqeshe indawo yokubambela intlanganiso. Anyanzeleke ukuba awakhuphe ngetshova emva kokudukisa, abanye besiwa, bambi betsiba iintango.

Onguceba kumbutho weANC uJimmy Tutu ukhawuleze wafika kuloo ndawo ezokungxengxezela umbutho wakhe.

“Singabantu abanye maqabane, siyaxolisa ngokuphazamisa umcimbi wenu,” utshilo okaTutu.

Umongameli wePAC uLuthando Mbinda wenze ikhwelo kubalandeli balo mbutho esithi mawangayekeli umbutho wawo ubesisisulu sokuxhatshazwa yeminye imibutho.

Lo kaMbinda uthe, umbutho wakhe awuhambisani nenkqubo karhulumente olawulayo malunga nokuthengwa nokuthengiswa komhlaba, esithi lo nto inxamnye nobuThixo kuba umhlaba sisipho nendalo evela kuThixo awasinika abantu abangamaAfrika ezweni labo.

“Umhlaba mawunikezelwe ebantwini abawudingayo, iimpula zikalujaca, lo nto ke ayixoxisi,” uthethe watsho.