Ndithe ndibukele umabonakude kwiiveki nje ezimbalwa ezigqithileyo, xa bekudlalelwa indebe yebhola ekhatywayo yezwekazi laseYurophu, nesiyibiza ngezwekazi laseNtshona ngokwemo yeJiyografi, ingqondo yabhideka nje kancinci.
Intsusa yoku kubhideka ibikukuba nangona ndibukele ndisazi ukuba le ndebe yeyezwekazi laseYurophu, kuthe xa kukhankanywa amagama abadlali ababalaseleyo kule tumente ndaphakama esihlalweni, ndaluva uvakalelo lohlwabiyo luqengqeleza emnqonqweni, yabetha ngamandla intliziyo kuba kusuke kwangathi kuyaphazanywa, nanjengoko loo magama ebekhankanywa evakele ingawalapha ekhaya eAfrika.
Nawe mlesi wakowethu ubuyakuthi xa usiva amagama abadlali bebhola ekhatywayo afana nelikaJerome Agyenim Boateng; Paul Pogba; Samuel Umtiti; Mousa Dembele nabanye, uqiniseke ngaphandle kwamathandabuzo ukuba kuthethwa ngabadlali bamazwe namaqela ezwekazi leAfrika. Ngelishwa lomhluzi wamanqina ke, akukho namnye kwaba badlali ndibakhankanye ngentla apha odlalela iqela lebhola ekhatywayo lelinye lamazwe aseAfrika, bonke baziwa njengabemi baseYurophu kwaye badlalela amazwe aseYurophu.
Ilishwa ndilibona likwinto yokuba bonke abadlali baseAfrika abanikwe ilungelo lokuba ngabemi bamazwe aseYurophu ngenxa yetalente yabo egqwesileyo kwibhola ekhatywayo, xa bebenokudlalela amazwe abo okuzalwa, mhlawumbi iAfrika ibinokuyiphumela indebe yehlabathi ngenye imini, kuba igalelo laba bafana baseAfrika likhulu kakhulu kwaye liyancomeka kula mazwe bawadlalelayo. Kwelinye icala, ithamsanqa liwele iYurophu esandleni, kuba kumanye amazwe aseAfrika, aba badlali abakhange basiwe so, ngenxa yezigqeba zebhola ekhatywayo ezinobuqhophololo nezingenankathalo.
Ibatsibela yona ke iYurophu ngokubanika iincwadi zokuba ngabemi bamazwe ayo, baphela beyifulathela iAfrika yokuzalwa. Isela ke akulula ukuba lizitshintshe iimpawu zalo, kuba le Yurophu, yile yaqala ngokuba izwekazi lethu ngobukoloniyali, ngoku nantsi ikhawuleza ngokurhiwula abadlali bezwekazi lethu abanetalente egqwesileyo. Inene Yurophu ndikuncamile, isiqhelo sakho sobuqhokolo side soyisa nengqondo leyo yakho!
Nangani ke abathandi beAfrika abafana nam bekhala koku kubiwa kwamakhwenkwe ethu abalaseleyo kwibhola ekhatywayo yiYurophu, kukho nokuzingca ngala makroti ngobuqhawe bokuyigubungela yonke iYurophu, kangangokuba iphele idela abemi bayo, ikhethe ukumelwa nokudlalelwa ngabantwana bomgquba kwintumente enkulu kangaka kwelo zwekazi. Bazibonakalisile ubuqhawe nobuqilima abantwana bomgquba, kuba kuwo omabini amazwe adlale ade aya kufikelela kwinqanaba lamagqibela kankqoyi, bekugqame amathole aseAfrika, yangathi kudlalelwa indebe yalapha ekhaya.
Kaloku nenqaku elibangele ukuba ilizwe lasePortugal liyiphumelele le ndebe, lifakwe lithole laseAfrika, uEderzito Macedo, nowaziwa ngokuba nguEder. Ngubani na ongayaziyo into yokuba lo mfana yinzalelwane yalapha eAzania, kwilizwe laseGuinea-Bissau?
Kwilizwe ebeliqubisene nePortugal kula magqibela kankqoyi, lizwe elo belikwasingathe le tumente, ilizwe laseFransi, abona badlali baninzi ngabo bazalelwe eAfrika. Ndingabala phakathi kwabo inkokheli yeli qela uPatrice Evra, noyinzalelwane yaseSenegal.
Ndingabala oogxa bakhe abafana noBaccary Sagna, naye ozalelwe eSenegal; uSteve Mandanda noEliaquim Mangala, bobabini abazalelwe eDRC; uMoussa Sissoko noNgolo Kante abaziinzalelwane zaseMali; uPaul Pogba waseGuinea; uSamuel Umtiti waseCameroon kunye noBlaise Matuidi waseAngola. Bonke aba badlali bebengafudumezi zitulo kwelo qela laseFransi, bebedlala phantse yonke imizuzu engama-90 kumdlalo ngamnye, bedlala ngokuzimisela bade baya kulibeka kumdlalo wamagqibela kankqoyi ilizwe labo labumini, hayi elokuzalwa.
Asinakothuka, kuba kakade elo zwe laseFransi, sele libalasele kangaka nje kwibhola ekhatywayo kwihlabathi kungenxa yeqhawe lalo uZinedine Zidane, naye owayekwazalelwe kule Afrika niyijongela phantsi mawethu. Kaloku uZinedine Zidane ngunyana womgquba kwelo laseAlgeria.
Ngenene iAfrika ayiqali ukuzenzela igama kwibhola ekhatywayo kwizwekazi lasemzini, kwaye nembali iyakungqina oko. Ngubani na ongalilibalayo igalelo likaAgyenim Boateng omveli iseGhana, mhla iJamani yazintshatsheli zehlabathi ngomnyaka ka-2014? Ngubani na ongalilibalayo igalelo lamathole omgquba aseNigeria uNwankwo Kanu noFinidi George, mhla elinye lamaqela aseYurophu iAjax Amsterdam laphumela indebe yeentshatsheli zelo zwekazi ngo-1995?
Ngubani na onokulilibala igalelo leqhawe laseGhana uSamuel Kuffour kwiBayern Munich yaseJamani; iqhawe laseCameroon uSamuel Eto`o kwiBarcelona yaseSpain, kunye nendumasi yeli loMzantsi Afrika uBennedict McCarthy kwiFC Porto yasePortugal, bonke abasele bayiphumelela le ndebe yeChampions League yaseYurophu, bengabona badlali baphambili kumaqela abo aseYurophu?
Kuni nonke makwedini, sithi huntshu ngokuliphakamisela phezulu igama leAfrika ezizweni! Kuyacaca ukuba kungekudala, eli zwekazi liza kuyiphumelela ngaphandle kwamathandabuzo iNdebe yeBhola ekhatywayo yeHlabathi jikelele!
Vuka Afrika! Vuka Azania!
UEl Nino uhlasela amafama weswekile