Amabali abavoti…

Ndiphulaphule ngomdla amabali abavoti beli lizwe xa bendiye kujonga ubume beenkcukacha zam ngovoto.

La mabali ale mini ndiwadibanise nendawava mihla le ezindabeni kumajelo ezosasazo. Abantu bebembomba emigceni yokuzihlola besithi abayiboni into abayivotelayo. Bebekhala ngokuba abaphangeli bona bayalamba kodwa bavota minyaka le.

Besithi iinkonzo kufuneka baduntse bapecuke igolo ukuze bazifumane, maxa wambi bangazifumani sele kunjalo. Bakhale nangooceba abathi bakuvotelwa bafuduke kuloo mimandla bavotelwe behlala kuyo, bayokuhlala kwiindawo zexabiso ezikude kunabavoteli babo. Ukanti sele bengafudukanga abafumaneki xa befunwa, kufuneka bombiwe ngemihlakulo baphakanyiswe ngemivalo.

Bendiphathwa yintsini ke maxa wambi. Ababalisi bawo bebalisa bengacelwe mntu, kungakhathaliseki nokuba akukho mntu uphulaphuleyo. Ibingamabali abonisa udideko nokungabi nathemba. Indidane neembandezelo zimenza umntu athethe nayedwa.

Okungeyonyani nokudala usizi kula mabali kukuthi xa ubani engakholiseki ngurhulumente omiyo akhalale ukuvota. Ivoti yomntu kuphela kwesixhobo anaso ummi weli lizwe ndinguye sokubeka urhulumente amkhethileyo, nacinga ukuba uyakwenza le nto afuna kwenziwe yona.

Yeyona ngozi ukukhetha ukungavoti kuba kukukhetha ukungenzi nto ngemeko ongayithandiyo nonqwenela ukuba iguquke. Kukukhetha ukubukela kusenziwa into ongayithandiyo endaweni yokunqanda.

Bonke ke abantu bagrogrisa ngokungavoti besakungakholiseki ngokungathi yeyona nto ilungileyo. Kanti eyona nto ilungileyo kukuvota, uvotele lo mntu ufuna ukuphathwa nguye, okanye uzimise wena kuvotelwe wena. Hayi ukungavoti.

Okunye okungeyonyani kukuthi akukho nto itshintshileyo kweli lizwe nokuthi kungcono imihla yengcinezelo kunemihla yenkululeko esixhamla yona namhlanje.

Bubuxoki endingena- kubulinganisa nanto obo kwesekhe ndabuva oko ndazalwa. Nomntu ozelwe kule mihla yenkululeko, owava ngokubaliselwa amanyala engcinezelo, ukuba unokhe anyanise nje umzuzwana omnye nokuba ulixoki elingakanani na, unako ukubona ukuba eli lizwe liguqukile, kwaye kukhona lisempilweni kunangemihla yobubi.

Andidingi nokuwadalanca ndiwabeke elubala amanyala engcinezelo. Inkululeko nje iyodwa, ngaphandle kwezibonelelo zikarhulumente ezikhalelwa ngabavoti, yimpumelelo engaphaya kokuqonda endiswele isilinganisi sokuyilinganisa.

Ndiphume nezinto ezimbini ke ekuphicotheni la mabali. Eyokuqala kukuba abantu beli abanalwazi lwaneleyo ngezovoto namalungelo abo oMgaqo-siseko. Amaqumrhu karhulumente amiselwe ukomeleza ulawulo lwentando yesininzi akawenzi ngemfezeko umsebenzi wawo.

Kwalo Mgaqosiseko mnye balawulwa ngawo abantu abawazi, beva ngawo kwakuba kukho izinto eziphethweyo ngawo ngurhulumente nezichaphazela bona buqu. Urhulumente ukude ebantwini nangona umiswe ngendlela yokuba ubekufutshane.

Okwesibini endiphume nako buBuntu. ABantu luhlanga olukulumkeleyo ukulahla imbo yalo ngophoyiyana nangona lunaso nje isithethe sokuthenga emithiyo ngenethole. Nangona aBantu bekulumkele ukotshela emcingeni okwentethe noxa ingca isitsha, kodwa abayilahli intaka esele beyiphethe kuba besithi zininzi ehlathini nokuba zingade zenze intsholo engakanani na okanye zidakumbe ukuba zibanjiswe nasisifede.

Uninzi loluntu lusotshele eBuntwini nangona kukho igcuntswana eliqaqambisa ukukhwel’ ecingweni nje. UMntu uthi ngoku sele ephume inyonga yangangeyenkomo azingise ukuzilibala abeke abanye phambili. UMntu wemveli uxolela ukufa ngoBuntu bakhe!

Andizimisele kulikhulula ke eli nqaku lesibini, ngezizathu ezizezam ke. Ngokulikhulula ndoba ndidlalela esandleni sotshaba. Ndiliyekela kolifundayo ukuba aziphicothele lona, azincede yena ngokunokwakhe.

Endibuyela kuko koko bendike ndakuhlokoza kwinqaku elingaphambili, ukuba abantu bakokwethu basemsileni kurhulumento olumiyo. Baminxeke phakathi koMgaqo-siseko noBuntu babo, akukho ibasebenzelayo kwezi zinto xa zizombini. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba