Amabandla atyelele abalupheleyo eMthatha

Uncumo belubhalwe ebusweni kubantu abadala i-Empilweni eMthatha emva kokuba amabandla adibeneyo eMthatha iChristian Interdenominational Movement etyelele eli khaya ukuzonikezela ngokutya nezinye izinto ezidingwa ngabantu abadala.

Bebonke abantu abadala abagcinwe kweli ziko balikhulu elinamashumi amane (140). Inkondekazi uZoliswa Ntshokolwana (62) welali iNtsimbakazi kuGatyana uth,i bayavuya kukuncedwa ngala mabandla bazotya ukutya okusempilweni njengabantu abadala.

UNtshokolwana uthe: “Siyavuya kakhulu namhlanje. Sicela nabanye abantu bazosinceda siyahlupheka apha ngamanye amaxesha”

Enye inkondekazi uHendrieta Matshaka wase-All Saints eNgcobo uqhwabele izandla la mabandla. “Inkulu into enisenzele yona kweli khaya, iNkosi inandisele apho nithatha khona.”

UBhishophu Tshepo Machaea okhokele isifundisi kweli bandla uthi, emva kokubona intlungu yabantu abadala ngethuba betyelele eli ziko, basungule ubudlelwane namanye amabandla kwabethwa imali ethenge izinto eziphiwe abantu abadala.

Uthi basazoya nakwamanye amakhaya aquka uTemba, Bethany nanjengoko kusadingeka izinto zokulala kwaye esi sisiqalo. Umemelelela kuye nabani onomnqweno wokuphosa esivivaneni enze njalo.

Ingqonyela yase-Empilweni uDumalisile Ngcuka uthe: “Imeko yeli ziko imbi kakhulu emveni kokuba lalikhe lavalwa. Ukufumana ukutya nezinye izinto kula mabandla kuzokwenza umahluko omkhulu kubantu abadala.”

“Singavuya ukufumana olunye uncedo nakoosomashishini bale ngingqi.