Bazakungena kwisikolo esihlaziyiweyo namhlanje abafundi besikolo samabanga aphantsi iKwelera Primary School ngaseMonti emva kokuba amagumbi esi sikolo ecocwe ngamabanjwa angamakhosikazi aphuma kwintolongo yaseMonti.
I’solezwe lesiXhosa belikho ngethuba la manina eduntsuza ehlamba iindonga, iifestile, iingcango bekwahlaziya nepeyinti ezindongeni. Inqununu yesi sikolo uNonkqubela Mbawuli uthi lithamsanqa ukuqala unyaka kwisikolo esicocekileyo.
“Sibhale incwadi sicela ukuba baze kucoca isikolo sethu kuba besimdaka amadonga ipeyinti sele isoyisakala, ngoku sitsho sasihle kwakho,” ucacise watsho uMbawuli.
La manina adontsa izigwebo ezahlukeneyo ancediswe ngamadoda ebasakuba ngamabanjwa nathe aphuma ngengqawule, kwanalawo adontsa isigwebo engaphandle ngokwenza iinkonzo zoluntu.
Umphathi weli qela lamabanjwa uHerman Botha uthi sele bejikeleze kwiindawo ezahlukeneyo zaseMonti bezama ukucoca izikolo ezahlukileyo, kwaye basajonge phambili ukucoca ezi zikolo.
“Izolo elinye iqela lamabanjwa belise AW Burns Primary School eParkside nalapho besicoca isikolo, sizakugqithela nakwezinye iindawo, apha esebeni sinenkqubo ebizwa ngokuba nguBack To School, ngayo siye sincede izikolo kanye ngeli xesha lokuvulwa kwezikolo,” uthethe watsho uBotha.
Lo kaBotha uthi kuyabavuyisa ukuzibona bephucula impilo zabantwana ngokuthi balungise amagumbi okufundela. Ingxelo yenqununu ithi esi sikolo sigqibele ukuvuselelwa ngonyaka ka 2011, kwaye ngoku ibisele ikho imfuneko yokuba siphinde senziwe sitsha kwakho.
Ukanti sincokole nelinye lamanenekazi elingakhange livunyelwe ukuba lichaze igama lalo. “Siyavuya kakhulu ukuba sifumane eli thuba lokuba size kusebenza ngaphandle, sicoce amagumbi afundela abantwana bethu kuba nathi nokuba sihleli etrongweni sikwangabazali kwelinye icala.
Eli nenekazi lixelele iphephandaba I’solezwe lesiXhosa ukuba likwa- ngumntwana wesikolo phaya ngaphakathi eziseleni ngelizama ukuguqula ubomi balo.
Izikolo zivuliwe kuzwelonke namhlanje kweli loMzantsi Afrika, kulindeleke ukuba babuyele esikolweni ngobuninzi babo abafundi kumabanga ahlukeneyo.
Ayakhala amafama aseMelika ngesigqibo sikaTrump