‘Amabanjwa akwimeko efana nekaZuma makakhululwe’

UMBUTHO ozakuzela amaLungelo oLuntu kumaBanjwa oMzantsi Afrika uthi isigqibo sokukhululwa ngengqawule eqamele ngezempilo kobesakuba nguMongameli weli uJacob Zuma, inga singasetyenziswa njengesixhobo sokunceda amanye amabanjwa akwimeko efana okanye eyodlula ekaZuma.

Oku kuthethwe nguGolden Miles Bhudu osisithethi kulo mbutho (South African Prisoners Organisation for Human Rights), ephefumla emva kwesigqibo sesebe leeNkonzo zoLuleko sokukhulula uZuma phantsi kwengqawule eqamele ngezempilo.

Jacob Zuma UMFANEKISO: Jeffrey Abrahams

UBhudu uthi bayakwamkela ngokupheleleyo ukukhululwa ngengqawule kukaZuma obekwinyanga yesibini kwisigwebo sakhe seenyanga ezilishumi elinesihlanu sokutyeshela umyalelo wenkundla.

“Siyathemba ukuba [esi sigqibo], ukusukela ngoku ukuya phambili, siza kunika ithuba amanye amabanjwa akwimeko efanayo okanye eyodlula [ekaZuma]. Esikubonileyo kule minyaka idlulileyo ukusukela ngo1994 kukungakhathali, ukuqaqadeka nokusebenzisa gwenxa amagunya eofisi kwisebe leeNkonzo zoLuleko,” kutsho uBhudu.

UBhudu uthi aliqela amabanjwa abhubhele entolongweni ngenxa yokungahoywa nokuphathwa gadalala.

“[Siyathemba] ukuba isebe leeNkonzo zoLuleko liza kufunda lisebenzise eli thuba ukwenza okulungileyo ze lilandele imithetho nemiqathango elawula ingqawule eqamele ngezempilo,” utshilo uBhudu.

Kwimbalelwano yalo, isebe leeNkonzo zoLuleko lithi isigqibo sokukhululwa ngengqawule eqamele ngezempilo kukaZuma siza emva kwengxelo yezempilo.

“Ngaphandle kokugulela ibhokisi kwanokungabikho sesimeni sokuzenzela izinto, amabanjwa agula kangangokuba kunzima ukuzenzela izinto usuku nosuku angayinikwa ingqawule eqamele ngezempilo,” litshilo isebe kwimbalelwano.

Isebe lithi uZuma uza kuba phantsi kwengqwalasela ngeli xesha lobude besigwebo sakhe, kujongwe ukuba uyayilandela kusini na imiqathango yengqawule.