Amabanjwa azilolonga ngeJudo

Amabanjwa ase St Albans naseKirkwood adlala iJudo UMFANEKISO: Sisonke Mlamla
Bachulumancile abeziko lezoluleko eBhayi, amabanjwa nabasebenzi, kuquka uMnu. Thembani Hlasho ongumongameli weJudo, bevuyiswa kukubona intsebenziswano yamabanjwa kwizisele ezintathu iSt Albans Minimum, iSt Albans Maximum kwakunye namaqela aseKirkwood, nathe athabath’ inxaxheba ekudlaleni umdlalo weJudo.

UPaul Holder ongumxhasi nomlolongi, uthembise abadlali kwanabo bathabatha inxaxheba kulo mdlalo, ngelithi mabazimisele, bazilolongele u2020 apho lowo uphumeleleyo kumdlalo weJudo uzakuphumelela iR10 000.

‘’Lo ngomnye wemidlalo ekudala ndawuthanda ndisakhula, uvuselela okubalulekileyo kum, kwaye undigcina ndidlamkile,’’ utshilo uSimphiwe Magi, ongomnye wabathabathe inxaxheba kulo mdlalo.
Ekwathembisa ngelithi ukuphuma kwakhe uzakuvusa amaqela eJudo, ukuzilolonga nokulolonga abantu ekuhlaleni ingakumbi ulutsha ukuze lungangeni kwimigibe nakwizinto ezizakubangela bazisole ebomini.

‘’Sinovuyo kukubona ukuzimisela kwabo kwezemidlalo, sikwakhuthaza nabanye ukuba bathabath’ inxaxheba ngakumbi nangakumbi kwezemidlalo, benzele impilo yabo.

Imidlalo ekumila kunje ngenye yezinto esizikhuthazayo kwaye ezakuphuhlisa izakhono zabo naxa bephumile ngaphandle,’’ utshilo uNomsa Molo ongumququzeleli wezemidlalo kumasebe ezoluleko aseBhayi.
Ekwacela nabaxhasi basondele kwaye bakhuthale ekufaken’ isandla, ukuncedisana nezemidlalo kweli ziko, ekwakhuthaza nabo sele befak’ isandla ukuba bangadinwa.