Amabele, inkululeko, ukuqhankqalaza

Kule veki iphelileyo nasekuqaleni kwale veki sikhe sabona imifanekiso yabafundi baseRhodes nabaseWits behamba ngamabele ngelithi babonakalisa ukuba imizimba yabo yeyabo. Beqhankqalaza, kunjalo siye safumanisa ukuba abafana abangabafundi baye balibona njengethuba lokuba basondele bayokufota babuke abafundi basetyhini bethe dle amabele ngaphandle.

Yaqala apho ingxoxo-mpikiswano kumnatha wonxibelelwano, bambi besithi mawagqunywe amabele, njalo-njalo. Bambi besithi inomtsalane le mifanekiso. Kudala siyiqaphela le nto yamabele namadoda antsundu. Nakulo nyaka uphelileyo sakhe sakhuza amadoda efota abantwanana ababexhentsa kwenye ilali ekufuphi naseQonce; bekhala nangoo “tshini ikhululile intombi kaziban’bani, uyalibona ibele layo!?”

Ziyakhathaza izinto ezinje ngoba mandulo, ngokwesinxibo sikaNtu, amabele eentombi yayingumbono oqhelekileyo. Nokuthi intombi iye yanomtsalane ngoba inxibe ilokhwe emfutshane yenye yezinto ekufuneka sizikhabele pha kude ngoba izinto ezinjalo zazingathethi nto. Namhlanje sezisetyenziswa njengezizathu zokudlwengulwa kwabasetyhini; “ebenxibe ilokhwe eveze ithanga” okanye “ebeveze amabele…” nezinye izizathu ezingavakaliyo. Konke oku kuthetha ukuba umntwana oyintombazana akakhuselekanga ekuhlaleni. Enye yezinto ebangela ukuba sithi ezi zizathu zabo azivakali okanye azicacanga, kungenxa yokuba izidlwengu ezi zidlwengula zidlwengule zide ziyokuphumela nakubantwana abancinci. Bambi bade bayokudlwengula namaxhewukazi. Singathi nabo benza njalo batsalwe sisinxibo okanye singathi batsalwe nje kukuba umntu ingumntu wasetyhini, kwaye besazi ukuba kuncinci anokwenza ukuzikhusela? Kuba egugile okanye engumntwana omncinci?

Zizinto ekufuneka sizicinge ezi. Izolo sibhiyozele iminyaka engama-22 enkululeko kweli loMzantsi Afrika, kodwa kusekho abantu basetyhini abazibona bengakhululekanga ngokwemizimba yabo. Kusekho abantu abangekakhululeki kweli, asikwazi ukuthi sikhululekile. Ingaba yintoni esinokuyenza sisonke ukuqinisekisa ukuba bayakhuseleka oosisi, oomama, makhulu nabantwana bethu?