AmaBhaca ahlola iintombi eKapa

Iintombi ezihloliweyo ziphuma kwiholo laseSite B eKhayelitsha Umfanekiso: Phinda Kula

Kapa:

KwiIdolophu ezinkulu kweli loMzantsi Afrika kunqabile ukuhlolwa kweentombi.

Lo mcimbi waziwa usenziwa ezilalini nakwiidolophu zasemaphandleni. Kodwa oku akunjalo kwisizwe samaBhaca nanjengoko isithethe sokuhlolwa kweentombi besasibambile eKapa.

Lo ngunyaka wesithandathu amaBhaca kweli leNtlanzi esibambile isithethe sokuqhubeka ukuhlola iintombi kwiziko elizinze eStrand.

Ukuhlolwa kweentombi kwenziwa kweli ziko phambi kokuba ingxelo yokuziphatha kakuhle kwabo idluliselwe kwiKumkani yesizwe sabo.

NgoMgqibelo, umhla weshumi elinesihlanu, isizwe samaBhaca besibuthelene kwiholo yoluntu eSite B eKhayelitsha ukubhiyozela umcimbi wokudluliswa kwengxelo malunga nokuhlolwa kweentombi ezingaphaya kwamashumi amahlanu.

Lo msitho ubuzinyaswe yikumkani kwisizwe samaBhaca uKumkani uTholelengwe Madzikane wesibini. Uninzi lohlanga lwamaBhaca azinze KwaBhaca kwidolophu eyayisaziwa ukuba yiMount Frere kwiphondo leMpuma Koloni, nangona efumaneka nakwezinye iidolophu kweli loMzantsi Afrika jikelele.

“Unyaka wethu thina sizwe samaBhaca uqala kwinyanga yoMsintsi, yiyo lo nto siye siqinisekise ukuba iintombi zethu ezisakhulayo zihlolwa rhoqo ngeli xesha enyakeni,” itshilo iNkosana uLindile Makhawula, noxakathiswe uxanduva lokukhokela isizwe samaBhaca eNtshona Koloni.

Uthi isizwe samaBhaca sizimele asikho phantsi kwezinye izizwe. INkosana uMakhawula ithi lo msitho ungqamene ngqo nenyanga yokubhiyozela inkcubeko namagugu kweli lizwe, esitsho ukuba abayityeshelanga inkcubeko yezinye izizwe ezahlukeneyo.

Iintombi ezizintombi nto ezingazange ziphathaphathwe ngezesondo ngabafana, zitsho ngazwinye ukuba ziyazingca ngokuhamba le ndlela, ngelithi kwixesha eziphila kulo zixhaphakile iziganeko zokukhulelwa kwabantwana abaselula ngeminyaka nabafunda kwizikolo zamabanga aphantsi.

INkosana uMakhawula uthi besi sizwe samaBhaca bayazingca ngokugcina isithethe sabo ngelithi ngale misitho ikumila kunje bazama ukubumbana kuba babone kubalulekile ukuba le misitho bayenzele ezidolophini kwiindawo abahlala kuzo kuba esithi liba lincinane ixesha lokuba badibane xa iziiholide.

“Siyabulela kakhulu ngokuthi niziphathe kakuhle, ningumzekelo kwisizwe samaBhaca, siyazingca ngani. Le mvu sikhuthaza ngayo ukuba nibambelele kumasiko nezithethe zethu njengeenkokheli zangomso,” utshilo uKumkani uTholelengwe Madzikane weSibini.

Nalapho abambe ngazo zozibini kumanina ahlola ezi ntombi, ezibeke phantsi kweliso elibukhali ngelithi benza umsebenzi oncomekayo ngokugcina isithethe sokuhlolwa kweentombi.

Ezi ntombi ziye zaxhelelwa igusha etyetyisiweyo njengombulelo nanjengoko bezigcine benyulu bengazange bazibandakanye nezesondo.

Ukanti baye banikwa nezatifiketi yiKumkani emva kokuba ifumene ingxelo entle malunga nokuziphatha kwabo kakuhle.

UMakhawula uthi ukuhlolwa kweentombi akubekeli bucala ezo zathi zehlelwa ziziganeko zempathogadalala ngezesondo, esithi oko khange bakucele nabo, baye bahlonitshwe kwimisitho ekumila kunje. INkosana uMakhawula yongeze ngelithi zonke iindleko zalo msitho bazihlawulela ngokunokwabo, akukho nkxaso abayifumana kurhulumente.