Amabhinqa aphila ubomi bentshontsho

Njengoko siqongqotha inyanga yamanina, zisaqhubeka iingxelo zokuhlukunyezwa kwamabhinqa, uninzi lwabemmi boMzantsi Afrika luncame lwaqhelana namabali afana neli lilandelayo:“Ngesaquphe emva kokuba sihlangene wayehlala endikhumbuza ukuba ndiluthando lwamaphupha akhe, kwiminyaka emihlanu savumelana ngeqhina lomtshato. Kodwa xa kunamhlanje ndiphila ubomi bentshontsho.

“Waqalisa ukuba sisilwanyana mhla wandibona ndithetha nomnye umfana kwivenkile ekufutshane nendlu yethu. Wacaphuka, ndabona ngaye endidibanisa nodonga watsho ngempama ndingalindelanga.

“Ntsuku zonke ndakucinga ukumshiya, ndihlala ndimkholelwa xa exolisa, ethembisa nokuba akanakuze aphinde andibethe.

“Ngaphandle koko, abahlobo bam bayamthanda. Ndiyoyika ukubaxelela indlela andiphatha ngayo xa sisekhusini.

“Ngelinye ilanga wandintlitha ngendlela egqithisileyo, oko kwabangela ukuba ndizifihle endlwini kuba ndingafuni abantu bandibone ndikwisimmo esinjalo.

“Sinabantwana ababini, bekufanele ukuba sinabantwana abathathu kodwa wandikhaba ndikhulelwe ndaphela ndiphunyelwa sisisu. Njalo uhlala exolisaathi akanakuze aphinde andibethe kodwa izenzo zakhe zichasene noko.

“Abantwana bam bamoyika ngathi abazalwa nguye. Ndiziva ndinyanzelekile ukuba ndimshiye, kodwa ndoyika anokuthi akwenze. Xa ndimxelela ukuba ndiyawuqhawula umtshato, uhlala endigrogrisa ngokundibulala. Ndihlala ndinqwenela ukuzibulala, kuba andinathemba lokuphuma kule meko.”

Xa sivala le nyanga yokubuyiselwa kwesidima samabhinqa, kumele sizibuze kwakhona ukuba yintoni esinokuyenza ukuxhobisa amabhinqa kwaye kungani ukuhlukunyezwa kwamabhinqa kusaqhubeka. Ingaba lisekhona ithemba? Ewe likhona:Ithemba lethu lingafezekiswa xa sinokuqale siqonde ukuba kutheni le nto kusekho amabhinqa ahlaselwayo ngamadoda kumakhaya. Kwaye, kumele siyeke ukuqhubeka nokubuza imibuzo efana nale “Kutheni angamshiyi’ maxa onke kukho owasetyhini ohlukunyezwayo. Kwaye nazo iingxelo ziyabonisa ukuba kumatyeli amaninzi, amabhinqa aphela ebulawa ngamaqabane xa elandula ukuqhubeka nobuhlobo obo.

Izibhalo ezininzi zibonisa ukuba amabhinqa ahlala namaqabane nokuba behlukunyezwa ngenxa yezizathu ezahlukeneyo. Ezo zizathu ziquka; ukungabinamncedi, uloyiko lokuphuncukana nemali, ukuzisola nokoyika ukwahluleka, ukukhusela abantwana, amasiko neenkolo, kunye nokugxekwa ngabantu bokuhlala.

Amabhinqa ahlukunyezwayo, aphila ngaphandle kokonwaba. Kumaxesha amaninzi, la mabhinqa ayangcungcutheka kuba akukho nto ebonwabisayo ngeempilo zabo. Eyona nto ebuhlungu, kukuba abo bahlukumeza la mabhinqa abaziboni ziphoso ngenxa nje befuna ukoyikwa nokuphatha kumakhaya.

Ndiyavuma, zikhona iingxelo ezithi ngamanye amaxesha nayo amabhinqa ayawahlukumeza amadoda. Kodwa naxa kunjalo, izibhalo ziyabonisa ukuba amabhinqa akwenza oko xa ezikhusela ekuhlukunyezweni. Ukuzakuthi ga ngoku, ngamabhinqa ahlukunyezwa ntsuku zonke.

Siyayivala le nyanga yamanina. Okulandelayo, kuxa kwakhona sinqanda ukuhlukunyezwa ngokwesini, oko siyakuchophela ngenyanga yeNkanga ukuya kweyoMnga. Ingaba likhona ithemba lokuphelisa ukuhlukunyezwa kwamabhinqa?

Abantu basekuhlaleni, ingakumbi amadoda kumele aqhubeke ngokufundisana ngendlela eyiyo yokuphatha amanina. Kwakhona, umthetho kumele uqhubeke ukuqinisa amatyathanga ekohlwayeni abo bahlukumeza amabhinqa.

Kubalulekile ukuba siqhubeke nokukhusela amabhinqa, kwaye sikuqaphele nabajongene nako okanye imiceli mngeni abajongene nayo.

Ngaphezu kwako konke oko, ukuhlukunyezwa kwamabhinqa kumele kuchaswe gabalala luluntu.

*UPhumulo Masualle yiNkulumbuso yePhondo leMpuma Kapa.

Uyafumaneka kwiqonga lonxibelelwano uTwitter njengo @EC_Premier pha.