Iinkokheli zikaRhulumente zixhalabile ngenxa yezehlo ezibi ezenzeke ngexesha lolwaluko esuthwini. Ngabakhwetha abayi110 abathe baphulukane nobudoda babo kule minyaka ilithoba idlulileyo.
Oku kuvele namhlanje eInternational Convention Centre, eMonti, ngethuba uMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli kuzwelonke, uVelenkosini Hlabisa, enendibano nogxa wakhe eMpuma Koloni, uZolile Williams, iiKumkani kunye neeNkosi ngeenjongo zokuza nomkhomba ndlela wokunqanda ukubhubha kwabakhwetha.
Bebonke abakhwetha ababhubhileyo phakathi ko2016 no2024 bayi371, ze abaphilayo kodwa bengasenabo ubudoda bayi110. UWilliams uthe iphondo likule ngxaki ngenxa yeengcibi ezingekho mthethweni nezingaqeqeshelwanga ukwenza umsebenzi, nto leyo ithi ibulale ikamva labantwana.
OkaWilliams uthe ingangathi bagxile kubakhwetha ababhubhileyo kukho abo baphilayo baphulukana nobudoda babo nabajongene nemingeni umhla nezolo. Uthe bafuna kungaphinde kubhubhe mntwana okanye kubekho umntwana oshiyeka engenabudoda kwiphondo leMpuma Koloni.
“Iba sisilonda esingapholiyo kumama womntwana ubomi bonke xa ethe wabanomntwana ophulukene nobomi esebukhwetheni.” Wongeze ngelithi oomama ekuhlaleni bathule ngeli siko watsho esithi kufuneka oomama baphakame nabo ngoba ngabantwana babo.
UNkosi Gwazinamba Mathanzima uthi noko bayayazi ukuba lithuba elide bexoxa into enye yokubhubha kwabakhwetha kodwa ibe ingemi iqhubekeka.
“Sibongoza abazali babaxhase abantwana kwaye nabazali baqiniseke ngokukhetha amakhankatha aqinisekisiweyo ngomsebenzi wawo kwaye amakhankatha anenjongo ecacileyo ukuqinisekisa ukuba abantwana mababuye bephila”.
Uthi kufuneka kuqeqeshwe amakhankatha neengcibi ukuze kuqinisekiswe ukuba ulwaluko yinto ekhuselekileyo kwaye nabani na owolukileyo. UNkosi uMathanzima uqhube wathi esinye sezisombulo kukuba babize iimbizo kuyiwe nasezikolweni kuthethwe nabazali, abahlali nabantwana. Kuqhwatyelwe izandla nezithili ezithe zenza kakuhle ngokuthi abantwana babuye bonke bephila ezifana neSarah Baartman zinconyiwe.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro