Amacebo okukhulisa ingeniso kwinxili yephondo

Umphathiswa uSakhumzi Somyo phambi kokuthi thaca uhlahlo lwabiwo-mali ephondweni.umfanekiso: Michael Pinyana

URHULUMENTE waseMpuma Koloni uxhonkxa amacebo wokwenza ukuba ufunquke umthamo wokuqokelelwa kwerhafu ngokukhokelisa ishishini lezolimo njengenyathelo elitsha lokukhulisa uqoqosho lwephondo.

Oku kuthethwe nguMphathiswa wezezimali eMpuma Koloni uSakhumzi Somyo, ngethuba esenza intetho yohlahlo lwabiwo-mali eBhisho kwiveki ephelileyo.

Kwimali engange-R74.4 yeebhiliyoni zeerandi eyinxili yephondo kunyaka-mali ka2017/18, ibalelwa kumyinge weepesenti ezimbini kuphela imali eyenziwa luqoqosho lwephondo ukuze ifakwe kule nxili. Oku kuthetha ukuba iphondo alinamthamo ungako wokuzenzela imali, lixhomekeke kwinkongozelo esuka kunondyebo kazwelonke.

USomyo uthi awona maqumrhu axhamlisa iMpuma Koloni ngengeniso yerhafu aquka iBhodi yoNgcakazo yaseMpuma Koloni (Eastern Cape Gambling and Betting Board) kwakunye neBhodi elawula ukuthengiswa kotywala (Eastern Cape Liquor Board).

Ngenxa yokuqaphela ukuba elona shishini lingakhulisa uqoqosho lelezolimo, uSomyo ubhengeze ukuba imali engange-R506.1 yezigidi zeerandi izakwabelwa isebe lophuhliso lwamaphandle nezolimo ukuqinisa amaphulo okuveliswa kokutya, ze iR248 yezigidi zeerandi ibekelwe bucala ukuvuselela iikholeji zezolimo.

USomyo ukwathe imali engange-R257 yezigidi zeerandi ibekelwe bucala ngenjongo zokuba kumiliselwe umgqaliselo weenguqu kuqoqosho lwezolimo, onjongo zawo ikukuza namacebo okwenza ezolimo ezilalini ibelishishini elixhamlisa uluntu ngengeniso.

“Ishishini lezolimo lenyuke ngo-1.2 wepesenti kwikota yesithathu ka-2016. Lo nto nje isixelela ukuba xa singagxila kwezolimo, uqoqosho lwephondo lungafunquka ngokumandla,” utshilo uSomyo.

Intetho zakhe zingqinwe nayingqonyela yeZiko leeNkcukacha-manani uPali Lehohla, kwakunye nomlawuli jikelele kwisebe lezezimali kuzwelonke uLungisa Fuzile. ULehohla noFuzile bebekwiZiko loPhuhliso noShishino laseMonti (East London IDZ) ngoLwesihlanu weveki ephelileyo, kumsitho wesidlo sakusasa sokwetyisa intetho kaSomyo.

ULehohla uthi eMpuma Koloni kukho iinkomo ezikwi-2.8 yezigidi kubantu beli phondo abakwizigidi ezisixhenxe. “Lo nto ithetha ukuba kubantu abathathu kweli phondo kukho inkomo enye. Ngaphandle kwenkomo, eli phondo lifuye kakhulu iigusha neebhokhwe. Kufuneka isicwangciso esicacileyo sokutshintsha oku, kube lushishino,” utshilo uLehohla.

UFuzile uthi mninzi umhlaba eMpuma Koloni, kodwa into embi kukuba ulele awusetyenziswa.

USomyo ukwabhengeze imali ekwizigidi ezilishumi elinesihlanu zeerandi ngeenjongo zokuhlangula amaphulo okulinywa kweti eMajola eSajonisi naseMagwa eLusikisiki. La ngamashishini karhulumente ebekufanele ukuba axhamlisa uqoqosho lwephondo ngengeniso, kodwa ayenzeki lo nto. UMphathiswa wophuhliso lwamaphandle uMlibo Qoboshiyane, uthi unethemba lokuba umlawuli otyunjelwe ukujongana nala maphulo uza kwenza umsebenzi oncumisayo. “Sikwajonge nokutyala iAvocado namandongomane kula masimi,” utsho uQoboshiyane.

Kusenjalo, uSomyo ubhengeze imali engange-R136.5 yezigidi zeerandi njengaleyo yokuphucula iidolophu ezincinci ezifana neDikeni, Kirkwood, Libode, Ngqeleni, Sajonisi, Maxesibeni, Ntabankulu naseMount Fletcher.

Imali eyabelwe amasebe ephondo imi ngolu hlobo:

Ezemfundo (R32.9 yeebhiliyoni zeerandi), ezempilo (R21.7 yeebhiliyoni zeerandi), ezendlela nemisebenzi yoluntu (R5.09 yeebhiliyoni), elokuhlaliswa koluntu (R2.6 yeebhiliyoni), elophuhliso lwentlalo yoluntu (2.6 yeebhiliyoni), elophuhliso lwamaphandle nezolimo (R2.2 yeebhiliyoni), ezothutho (1.8 yebhiliyoni), uphuhliso loqoqosho, ezokhenketho nezendalo (1.06 yebhiliyoni), elentsebenziswano kurhulumento neenkosi zemveli (R1.2 yebhiliyoni), elezezimali (R724.5 yezigidi), iOfisi yeNkulumbuso (R857.6 yezigidi), iNdlu yoWiso-Mthetho (R509.2 yezigidi), elezokhuseleko (R94.8 yezigidi), elezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko (R900.9 yezigidi).

Le mali yabelwe la masebe iqala ukusebenza ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi.