Amacebo okuphucula ulondolozo lwezamanzi

Abasebenzi abaphangela apho kucocwa khona amanzi eMdantsaneUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Igqiza leSebe lezaManzi kuzwelonke lityelele eMonti iintsuku ezimbini apho bekuxoxwa ngendlela ezinokuthi ziphucule izinga lokunqongophala kwamanzi kuquka nohlobo lokuwonga.

Ngosuku lokugqibela kutyelelwe isikhululo samanzi esiseMdantsane apho kuneprojekthi yamakhosikazi amane asebenzisa imigqomo enamachiza ancedisana nokonga amanzi.

UNocawe Lupuwana weImpilo Yabantu ongomnye wabakhokele le projekthi yamakhosikazi, uthi iprojekthi le ijongene nokucoca amanzi kwakunye nezixhobo zelindle.

ULupuwana uthi bajonge phambili ekubeni bakhuthaze kwaye baxhobise namanye amakhosikazi ngezi zakhono banazo.

“Sonwabe kakhulu, siyavuya iprojekthi yethu iyenye yezihamba phambili ngoku. Sifundisiwe safunda, sinolwazi oluphangaleleyo esinxanelwe ukulirhabulisa namanye amakhosikazi,”utshilo uLupuwana.

Eli phulo laqala ukuqhutywa kwisithili saseGcuwa ngonyaka ka2009 ngethuba kukhangelwa oonokontraka abaza kuza namacebo alolu hlobo kwaze kwaphumelela la makhosikazi.

Iinjongo zale ngqungquthela ibikukuqinisekisa ngokugqwesa kwabo bakwezoshishino, kusenziwa oko ngokukhokeliswa kwezenzululwazi kwanokuxhotyiswa kwamakhosikazi kwiiprojekthi ezintathu zenkqubo i-Eastern Cape Social Franchising Programme.